Salvation


  • Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. - 
    UYohane 3:16
  • kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;  
    KwabaseRoma 3:23
  • Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.- 
    KwabaseRoma 6:23
  • Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam. - 
    UYohane 14:6
  • Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe; - 
    UYohane 1:12
  • Waphendula uYesu wathi kuye, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo. -
    UYohane 3:3
  • Kananjalo ngokomthetho ndingade ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa. - 
    KumaHebhere 9:22
  • Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu. - 
    UMateyu 18:3
  • Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam. -
     Revelation 3:20
  • Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. - 
    1 UYohane 1:9
  • Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe. Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa. Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa. - 
    KwabaseRoma 10:9, 10, 13
  • Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo;akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo. -
    KwabaseEfese 2:8, 9
  • kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele; - 
    KuTito 3:5
  • Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho. - 
    IZenzo 16:31
  • Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe. - 
    UYohane 3:36
  • mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam. - 
    UYohane 10:28
  • Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe. - 
    2 KwabaseKorinte 5:17