Safety and Protection


  • Ize niyenze imimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze. Nohlala kulo ilizwe nikholosile;
    ILEVITIKUS 25:18
  • NgoBhenjamin wathi, Intanda kaYehova iya kuhlala kuye ikholosile; Uyikhusele imini yonke, Ihlala phakathi kwamagxa akhe.
    IDuteronomi 33:12
  • kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Nkosi yam Yehova, uthethile. Ngentsikelelo yakho mayisikelelwe indlu yomkhonzi wakho ngonaphakade.
    2 Samuel 7:29
  • UDavide wamisa ikampu kwa-Aram eDamasko; ama-Aram aba ngabakhonzi bakaDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
    2 Samuel 8:6
  • Ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho ebusweni bakho, ndakwenzela igama njengegama labakhulu abasehlabathini.
    1 YeziKronike 17:8
  • Ngokuba ukumkani ukholose ngoYehova, Ngenceba yOsenyangweni akayi kushukunyiswa.Isandla sakho siya kuzifumana zonke iintshaba zakho, Esokunene sakho siya kubafumana abakuthiyayo.Uya kubenza babe njengeziko lomlilo, wakubonakala. UYehova uya kubaginya ngomsindo wakhe, Nomlilo ubadle.
    iNdumiso 21:7-9
  • , Ke yena ukumkani uya kuvuya ngoThixo; Baya kuqhayisa abo bonke bafunga yena; Ngokuba uya kuvingcwa umlomo wabathetha ubuxoki.
    iNdumiso 63:11
  • Apho ndiya kumhlumisela uphondo uDavide, Ndiya kumlungisela isibane umthanjiswa wam.Iintshaba zakhe ndiya kuzambathisa udano; Ke phezu kwakhe yena siya kutyatyamba isithsaba sakhe.
    iNdumiso 132:17, 18
  • Ulonika ookumkani usindiso, Ulohlangula uDavide umkhonzi wakhe ekreleni elinobubi.
    iNdumiso 144:10

  • IDuteronomi 33:27
  • Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)
    iNdumiso 4:8
  • Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.
    iNdumiso 16:8
  • Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule.
    iNdumiso 34:7
  • Kumongameli: eyoonyana bakaKora; ngeyeentombi. Ingoma. UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.
    iNdumiso 46:1
  • Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam. Umenze Osenyangweni ikhaya lakho.Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho.
    iNdumiso 91:9, 10
  • Ingoma yezinyuko. KaSolomon. Ukuba akayakhi uYehova indlu, Bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo. Ukuba umzi akawugcini uYehova, Ufumana ephaphama owugcinayo.
    iNdumiso 127:1
  • Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho, Alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.
    miZekeliso 3:26
  • Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele, Abantwana bakhe baba nendawo yokuzimela.
    miZekeliso 14:26
  • Yinqaba ende eliqele igama likaYehova; Ilungisa ligidimela kulo, libe sengxondeni.
    miZekeliso 18:10
  • Ihashe lilungiselwa imini yokulwa, Ke usindiso lona lunoYehova.
    miZekeliso 21:31
  • Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe. Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye.
    miZekeliso 30:5
  • Inene, ayikhe yenze into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti.
    AMOS 3:7
  • Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi. Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
    KWABASEEFESE 6:11, 12