Fight the good fight
- 
Nisondele namhla ekulweni neentshaba zenu; mayingathambi intliziyo yenu, musani ukoyika, musani ukuphakuzela, musani ukungcangcazela ebusweni bazo;   
IDuteronomi 20:3 - 
EkaDavide. Makabongwe uYehova, uliwa lam, Ulofundisa izandla zam ukulwa, Iminwe yam imfazwe.  
iNdumiso 144:1 - 
Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa.  
UMateyu 16:18 - 
Makubulelwe ke kuThixo, ohlala eduma ngathi sikuKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke.   
2 KwabaseKorinte 2:14 - 
ukuba aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi;  
KwabaseEfese 3:16 - 
Wuzame umzamo omhle wokholo; bubambe ubomi obungunaphakade, owabizelwa nokubizelwa kubo, waza waluvuma uvumo oluhle emehlweni amangqina amaninzi.   
1 KuTimoti 6:12 - 
Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu.   
2 KuTimoti 2:4 - 
Ndanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndanibhalela, madodana, ngokuba nomelele, laye ilizwi likaThixo lihleli kuni, nimoyisile ke ongendawo.  
1 UYohane 2:14 - 
Zintanda, ndikukhuthalele ngenyameko yonke nje ukunibhalela ngalo usindiso esidlelana ngalo, kwafuneka ukuba ndinibhalele, ndinivuselele, ukuba niluzamele ukholo abalunikelwayo kwakanye abangcwele.  
EkaYuda 3