Honesty


  • Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe-
    KwabaseKolose 3:9
  • Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okuhle emehlweni abantu bonke. -
    KwabaseRoma 12:17
  • sikhathalele izinto ezintle, kungekhona emehlweni eNkosi yodwa, kukwanasemehlweni abantu. -
    2 KwabaseKorinte 8:21
  • Isikali esikhohlisayo singamasikizi kuYehova; Ilitye elizeleyo lilikholo kuye. Ingqibelelo yabathe tye iyabakhapha; Ukuphenula kwamanginingini kuyawabhuqa. -
    miZekeliso 11:1, 3
  • Ekuphosiseni komlomo kukho isirhintyelo esinobubi; Ke lona ilungisa liyaphuma embandezelweni. Ophefumla inyaniso uxela ubulungisa; Ingqina elixokayo lixela inkohliso.-
    miZekeliso 12:13, 17
  • Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba. -
    miZekeliso 28:13
  • Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa. -
    EkaYakobi 5:16
  • sisuke sazilahla izinto ezifihlakeleyo eziziintloni, singahambi ngobuqhetseba, singalikhohlakalisi ilizwi likaThixo; sisuka ngokuyibonakalalisa inyaniso siziyaleze kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo. -
    2 KwabaseKorinte 4:2