Boldness and Conviction



  • iNdumiso 119:46
  • Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.
    miZekeliso 29:25
  • Wena Ziyon, mshumayeli weendaba ezilungileyo, nyuka uye entabeni ephakamileyo; wena Yerusalem, mshumayeli weendaba ezilungileyo, liphakamise ngamandla ilizwi lakho, phakamisa ungoyiki. Yithi kwimizi yakwaYuda, Nanko uThixo wenu!
    Isaya 40:9
  • INkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndikwazi ukuzimasa otyhafileyo ngelizwi. Ivusa imiso ngemiso, indivusela indlebe ukuba ndive ngokwabafundileyo.
    Isaya 50:4
  • Wathi uYehova kum, Musa ukuthi, Ndingumntwana: ke uya kuya kubo bonke endikuthuma kubo; konke endikuwisela umthetho ngako, uze ukuthethe.
    Yeremiya 1:7
  • ndilenza libe njengedayiman, elukhuni ngaphezu kweqhwitha, ibunzi lakho. Uze ungaboyiki, ungaqhiphuki umbilini phambi kwabo; ngokuba bayindlu eneenkani.
    UHezekile 3:9
  • Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala;kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini.
    UMateyu 5:14, 15
  • Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.
    UMateyu 5:16
  • Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.
    UMarko 8:38
  • Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.
    IZenzo 1:8
  • Ke kaloku, bakubona ukungafihlisikuthetha koPetros noYohane, beqiqa nokuba ngabantu abangenamfundo, abangenakwazi, bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu.
    IZenzo 4:13
  • Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.
    IZenzo 5:29
  • Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu; kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike.
    KwabaseRoma 1:16
  • nangenxa yam, ukuba ndiphiwe ilizwi ekuwuvuleni umlomo wam, ndize ndazise ngokungafihlisiyo imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo,ekungenxa yazo endisisigidimi esisezintanjeni; ukuze ndingafihlisi ukuthetha kuzo, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
    KwabaseEfese 6:19, 20
  • Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu.
    1 KwabaseTesalonika 2:4
  • Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo;
    2 KuTimoti 1:8
  • Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo.
    KuTito 2:15
  • Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa.
    1 KaPetros 2:12