Separation
-  
IGenesis 31:49 - 
Ndandithandazela lo mntwana; undinikile ke uYehova isicelo sam endandisicela kuye;nam ndiya kumenza oceliweyo kuYehova; yonke imihla yokubakho kwakhe, woba ngoceliweyo kuYehova. Wamnqula khona uYehova. 
1 KaSamuweli 1:27, 28 - 
Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, Andiyi koyika bubi, ngokuba unam wena; Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela.   
iNdumiso 23:4 - 
Ngokuba ubawo noma bandishiyile, Wesuka uYehova wandichola.   
iNdumiso 27:10 - 
Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Abasindise abamoya utyumkileyo.  
iNdumiso 34:18 - 
Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;  
iNdumiso 147:3 - 
Amanzi amaninzi akanakulucima uthando; Imilambo ayinakuluntywilisela. Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando, Ingadelwa ideliwe.  
Songs of Solomon 8:7 - 
Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni.   
UYohane 14:18 - 
Kuba ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi.   
KwabaseRoma 8:18 - 
osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo.   
2 KwabaseKorinte 1:4 - 
Ndisuke, zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu.Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu,  
KwabaseFilipi 3:7, 8 - 
Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona. 
1 KwabaseTesalonika 4:13 - 
ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.   
1 KaPetros 1:7