Perversion


  • Kuba ityhilekile ingqumbo kaThixo ivela emazulwini, ichase konke ukungahloneli Thixo, nentswela-bulungisa yabantu, abayithintelayo inyaniso ngokuswela ukulungisa.Ngokokuba oko kwazekayo ngoThixo kuyabonakala ngaphakathi kwabo; kuba uThixo wakubonakalalisa kubo.Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela.Ngokokuba bathe, bemazi uThixo, abamzukisa ngokoThixo, ababulela kuye; basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa yamnyama;bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha;baza ubuqaqawuli bukaThixo ongenakonakala babananisela intsobi yomfanekiselo womntu onokonakala, noweentaka, nowezinto ezizitho zine, nowezinambuzane.Kungoko athe, besezinkanukweni zeentliziyo zabo, uThixo wabanikela nokubanikela ekungcoleni, ukuba bahlazisane ngemizimba, yabo.bona bananisele ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen.Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo;kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo.Njengokuba ke bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo; -
    KwabaseRoma 1:18-28
  • yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla;nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu,nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
    KwabaseEfese 4:22-24
  • Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benze amasikizi: mababulawa bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo. -
    Makabongwe 20:13
  • Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo,namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu. -
    1 KwabaseKorinte 6:9-11
  • Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele; -
    KwabaseEfese 5:3
  • Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.
    KumaHebhere 13:4