UYoshuwa

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24


Isahluko 2

Yoshuwa unyana kaNun wesusa amadoda amabini aziintlola, esithi ngasese, Hambani niye kulikhangela ilizwe neYeriko. Ahamba ke, aya endlwini yenkazana elihenyukazi, egama linguRahabhi, alala khona.
2 Kwathiwa kukumkani waseYeriko, Yabona, kufike apha ebusukunje amadoda avela koonyana bakaSirayeli, eze kuhlola eli lizwe.
3 Wathumela ukumkani waseYeriko kuRahabhi, esithi, Wakhuphe amadoda afikileyo kuwe, angenileyo endlwini yakho; kuba aze kulihlola lonke ilizwe.
4 Yawathabatha loo nkazana loo madoda omabini, yawafihla; yathi, Okunene afikile kum amadoda lawo, andazi ukuba avela ngaphi na;
5 kwathi, ukuvalwa kwesango, kwakuba mnyama, amadoda lawo aphuma; andazi ukuba aye ngaphi na amadoda lawo; wasukeleni kamsinya, ngokuba nowafumana.
6 Ke yona yayiwanyusele phezu kwendlu, yawaqhusheka ezindizeni zeflakisi, eyabe izicwangcise phezu kwendlu.
7 Amadoda awasukela ngendlela yaseYordan eya emazibukweni; lavalwa isango emveni kokuba bephumile abo basukelayo.
8 Engekalali amadoda, yenyuka yona yaya kuwo phezu kwendlu; yathi kuloo madoda,
9 Ndiyazi ukuba uYehova uninikile eli lizwe; nokuba siwelwe luqhiphuko-mbilini ngani; nokuba bathe amandla bonke abemi beli lizwe ebusweni benu.
10 Kuba sivile ukuba uYehova wawomisa amanzi oLwandle oluBomvu phambi kwenu ekuphumeni kwenu phambi kwenu ekuphumeni kwenu eYiputa; noko nakwenzayo kookumkani bobabini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, oSihon no-Ogi, enabasingela phantsi.
11 Sivile ke, zanyibilika iintliziyo zethu, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo mntwini ngenxa yenu; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi apha.
12 Kaloku khanindifungele uYehova, nithi, kuba ndinenzele inceba, niyenzele inceba nani indlu kabawo, nindinike umqondiso wenyaniso;
13 nimsindise ubawo, noma, nabanakwethu, noodade bethu, neento zonke abanazo, niyihlangule imiphefumlo yethu ekufeni.
14 Athi kuyo amadoda lawo, Umphefumlo wethu wofa esikhundleni sowenu, ukuba aniyixelanga le nto yethu; kothi ekunikweni kwethu eli lizwe nguYehova, sikwenzele inceba nenyaniso.
15 Yawahlisa ke ngentsontelo ngefestile; kuba indlu yayo yabe iseludongeni lomzi; yayihleli eludongeni.
16 Yathi kuwo, Yiyani entabeni, hleze baqubisane nani abo banisukelayo; zimelani khona iintsuku zibe ntathu, bade babuye abo banisukelayo, nandule ke ukuhamba indlela yenu.
17 Athi kuyo amadoda lawo, Soba msulwa kwesi sifungo sakho usifungise sona.
18 Uyabona, sakufika kweli lizwe, wobopha intsontelo yosinga olu lubomvu efestileni le usihlise ngayo; uhlanganisele kuwe endlwini yakho uyihlo, nonyoko, nabanakwenu, nendlu yonke kayihlo.
19 Kothi, bonke abasukuba bephuma emnyango endlwini yakho, besiya phandle, igazi labo libe phezu kwentloko yabo, sibe msulwa thina; ke bonke abasukuba bekuwe endlwini, igazi labo loba phezu kwentloko yethu, ukuba kuthe kwasiwa sandla kubo.
20 Ukuba ke uthe wayixela le nto yethu, soba msulwa esifungweni sakho osifungise sona.
21 Yathi ke, Makube njengamazwi enu, kube njalo. Yawandulula, ahamba ke. Yayibopha intsontelo ebomvu efestileni.
22 Ahamba ke aya entabeni, ahlala khona iintsuku zantathu, bada babuya abo bawasukelayo; bafuna abo bawasukelayo endleleni yonke, abawafumana.
23 Abuya amadoda omabini, ehla entabeni, awela, afika kuYoshuwa unyana kaNun, ambikela zonke izinto afumenene nazo.
24 Athi kuYoshuwa, UYehova ulinikele esandleni sethu lonke ilizwe elo; kananjalo bathe amandla bonke abemi belizwe phambi kwethu.