2 KaSamuweli

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24


Isahluko 22

Wathetha uDavide kuYehova amazwi ale ngoma, mini uYehova wamhlangulayo esandleni seentshaba zakhe zonke, nasesandleni sikaSawule, wathi:
2 Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msizi wam mna lo,
3 Thixo oliliwa lam, endizimela ngalo; Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, Ngxonde yam, ndawo yokusabela kwam, Msindisi wam, undisindisa ekugonyamelweni.
4 Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa, Ndiyasindiswa ke ezintshabeni zam.
5 Akundijikela amaza alwayo okufa, Yakundidandathekisa imilambo yobutshijolo,
6 Zakundibhijela izintya zelabafileyo, Zakundirhintyela izirhintyelo zokufa,
7 Ekubandezelekeni kwam, ndanqula uYehova, Ndamnqula uThixo wam: Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika ezindlebeni zakhe.
8 Lahexa ke lanyikima ihlabathi, Iziseko zezulu zagungqa, Zahexa ngokuba enomsindo.
9 Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe, Wadla umlilo uphuma emlonyeni wakhe, Avutha amalahle, ephuma kuwo.
10 Wawathoba amazulu, wehla, Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.
11 Wakhwela ekerubhini, waphaphazela, Wabonakala esemaphikweni omoya.
12 Wamisa ubumnyama ngeenxa zonke kuye, bayiminquba, Intlanganisela yamanzi, neengqimba zamafu.
13 Ekuqaqambeni okuphambi kwakhe Kwavutha amalahle omlilo.
14 Wadudumisa emazulwini uYehova, Oseyangweni walikhupha izwi lakhe.
15 Wathuma iintolo, wabaphangalalisa; Umbane, wabadubaduba.
16 Kwabonakala imiphantsi yolwandle, Kwatyhileka iziseko zelimiweyo Ngokukhalima kukaYehova, Ngokufutha komoya womsindo wakhe.
17 Wolula isandla, ephezulu, wandibamba, Wandirhola emanzini amaninzi.
18 Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla, Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.
19 Bandifikela ngemini yokusindeka kwam, Waba sisixhaso kum uYehova.
20 Wandikhuphela endaweni ebanzi, Wandihlangula ngokuba endinonelele.
21 UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam, Wandibuyisela ngokuhlambululeka kwezandla zam.
22 Ngokuba ndazigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam.
23 Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam; Nemimiselo yakhe, andityekanga kuyo.
24 Ndandingogqibeleleyo kuye, Ndazinqanda ebugwenxeni bam.
25 Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam, Ngokobunyulu bam, phambi kwamehlo akhe.
26 Kowenceba uzenza owenceba, Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo.
27 Kozenze nyulu uzenza onyulu, Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.
28 Abantu abaziintsizana uyabasindisa, Amehlo akho ajongene nabaqwayingileyo, ubathobe.
29 Kuba usisibane sam, wena Yehova, UYehova ukhanyisela ubumnyama bam.
30 Kuba ngawe ndigila impi, NgoThixo wam nditsiba iindonga.
31 UThixo yena—igqibelele indlela yakhe, Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe, Uyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.
32 Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova? Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?
33 UloThixo uligwiba lam elinamandla, Umalathisayo ogqibeleleyo indlela yakhe;
34 Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi, Undimisayo emimangweni yam;
35 Uzifundisayo ukulwa izandla zam, Zigobe isaphetha sobhedu iingalo zam.
36 Undinike ingweletshetshe yosindiso lwakho, Ukundiphulaphula kwakho kwandikhulisa.
37 Uwenzele indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam, Amaxhwele am akahexa.
38 Ndiya kuzisukela iintshaba zam, ndizitshabalalise, Ndingabuyi zide ziphele.
39 Ndiya kuzigqiba, ndiziphaluse, zingavuki, Ziwe phantsi kweenyawo zam.
40 Undibhinqise ukukhaliphela imfazwe, Ubaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum.
41 Iintshaba zam uzenze zandinikela ikhosi, Abandithiyayo ndababhangisa.
42 Bayabhekabheka, kungabikho msindisi; KuYehova, angabaphenduli.
43 Ndibacola njengothuli lomhlaba, Ndibacumza, ndibaxovula njengodaka lwendlela, ndibasasaze.
44 Undisiza ekubambaneni kwabantu bam nam, Undigcina ndibe yintloko yeentlanga. Abantu ebendigabazi baya ndikhonza.
45 Oonyana bolunye uhlanga baya kundilulamela, behanahanisa, Bandithobele besave ngeendlebe.
46 Oonyana bolunye uhlunga bayantshwenya, Baphuma benovalo ekuvingcelweni kwabo.
47 UYehova uhleli, lelokubongwa iliwa lam, Aphakanyiswe uThixo, iliwa losindiso lwam.
48 UloThixo undiphindezelayo, Uzihliselayo phantsi kwam izizwe,
49 Undikhuphayo ezintshabeni zam; Undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum; Undihlangulayo kumfo ogonyamelayo.
50 Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga, Ndivume kwigama lakho.
51 Ulokhulisa usindiso lokumkani wakhe; Owenzayo inceba kumthanjiswa wakhe, KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.