2 YeziKronike 2 Chronicles

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 27

UYotam ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguYerusha intombi kaTsadoki.
2 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise; kodwa akangenanga etempileni kaYehova; ke abantu bona babesabenza ububi.
3 Yena walakha isango eliphezulu lendlu kaYehova; wakha kakhulu naseludongeni lwaseOfele.
4 Wakha imizi kweleentaba lakwaYuda, nasemahlathini wakha iinqaba neemboniselo.
5 Walwa noonyana baka-Amon, waboyisa. Oonyana baka-Amon bamnika ngaloo mnyaka ikhulu leetalente zesilivere, neshumi lamawaka eekore zengqolowa, neshumi lamawaka erhasi. Oko baphinda bakuzisa kuye oonyana baka-Amon ngomnyaka wesibini nangowesithathu.
6 Womelela ke uYotam; ngokuba waziqinisela iindlela zakhe phambi koYehova uThixo wakhe.
7 Ezinye izinto zikaYotam, neemfazwe zakhe zonke, neendlela zakhe, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.
8 Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem.
9 UYotam walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; uAhazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.