UEstere

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10


Isahluko 6

Ngobo busuku, bemka ababakho ubuthongo kukumkani; wathi maziziswe iincwadi zezikhumbuzo zemicimbi yemihla; zamana zileswa phambi kokumkani.
2 Kwafunyanwa kubhaliwe okokuba uMordekayi wabaxela ooBhigetan noTereshe, amathenwa amabini okumkani, abagcini bomnyango, ababefuna ukumsa izandla ukumkani uAhaswerosi.
3 Wathi ukumkani, Wenzelwe mbekoni na, nabukhulu buni na uMordekayi ngenxa yoko? Athi amadodana akwakumkani, abelungiselela kuye, Akenzelwanga nto.
4 Wathi ukumkani, Ngubani na osentendelezweni? Ke kaloku uHaman ubengene entendelezweni engaphandle yendlu yokumkani, esiza kuthi kukumkani, makaxhonywe uMordekayi emthini, abemlungisele wona.
5 Athi amadodana akwakumkani kuye, Nankuya uHaman emi entendelezweni. Wathi ukumkani, Makangene.
6 Wangena ke uHaman. Wathi ukumkani kuye, Makwenziwe ntoni na kwindoda, athanda ukuyibeka embekweni ukumkani? Wathi uHaman entliziyweni yakhe, Ukumkani angathanda ukubeka bani na embekweni, agqithe mna?
7 Wathi uHaman kukumkani, Indoda athandayo ukuyibeka embekweni ukumkani,
8 mabazise isambatho sobukumkani, ambatha sona ukumkani, nehashe akhwela kulo ukumkani, lubekwe entlokweni yayo unkontsho lobukumkani;
9 basinikele isambatho eso nehashe elo esandleni somthetheli wakumawaba okumkani, baya mbathise indoda leyo athanda ukuyibeka embekweni ukumkani, bayikhwelise ehasheni elo, icande ezitratweni zomzi, badanduluke phambi kwayo, bathi, Kwenjiwa nje, kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani.
10 Wathi ukumkani kuHaman, Ngxama uthabathe isambatho eso nehashe elo, njengoko ukuthethileyo, wenjenjalo kuMordekayi umYuda, ohleli esangweni lokumkani. Makungawi phantsi nalinye ilizwi kuko konke okuthethileyo.
11 UHaman wasithabatha isambatho eso nehashe elo, wamambathisa uMordekayi, wamkhwelisa, wamcandisa ezitratweni zomzi, wadanduluka phambi kwakhe ngokuthi, Kwenjiwa nje kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani.
12 Wabuya uMordekayi, weza esangweni lokumkani; ke uHaman wangxama waya endlwini yakhe, ethe matshamatsha, egqubuthele intloko.
13 UHaman wamcacisela uZereshe umkakhe, nezithandane zakhe zonke, konke okumhleleyo. Zathi kuye izilumko zakhe noZereshe umkakhe, Ukuba ngowembewu yamaYuda uMordekayi lo, uqalileyo ukuwa phambi kwakhe, akunakumthini; ke wowa uwile phambi kwakhe.
14 Bathe besathetha naye, kwafika amathenwa okumkani, bangxamisa ukumsa uHaman esidlweni abesenzile uEstere.