INtshumayeli

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12


Isahluko 10

Iimpukane ezifileyo zinukisa zibilise amafutha omqholi; ubudenge obuncinane bunzima kunobulumko nozuko.
2 Intliziyo yesilumko ingasekunene kwaso: intliziyo yesidenge ingasekhohlo kwaso.
3 Ewe, nasendleleni, xa sithe isidenge sahamba ngayo, siyayiswela intliziyo, sihambe sisithi kubantu bonke, Ndisisidenge.
4 Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu.
5 Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, obunjengokulahleka okuphuma konegunya:
6 ubudenge bunikwa iindawo eziphezulu ezinkulu, zibe izityebi zihleli kwiindawo eziphantsi.
7 Ke ndizibone izicaka zikhwele emahasheni, namatshawe ehamba phantsi ngeenyawo njengezicaka.
8 Omba isigingqi, angeyela kuso; ochitha uthango, inyoka ingamluma.
9 Omba amatye, angenzakala; ocanda iinkuni angaba semngciphekweni.
10 Ukuba intsimbi ithe yaba buthuntu, akalulola uhlangothi lwayo, wogonyela ngoko ngamandla; ke ubulumko buyanceda bulungise.
11 Ukuba inyoka ithe yaluma kungekho kukhafula, akabi nanzuzo umnyangi.
12 Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona.
13 Ingqalo, yamazwi omlomo waso bubudenge, nengqibo yomlomo waso bubugeza obubi.
14 Isidenge sandisa amazwi, engakwazi umntu okuya kubakho nokuya kubakho emva kwakhe, ngubani na onokumxelela?
15 Imigudu yezidenge iyazixhamla, ezingakwaziyo ukuya emzini.
16 Yeha, wena lizwe likumkani ungumntwana, limatshawe adla kwakusasa!
17 Hayi, uyolo lwakho, lizwe likumkani ungunyana wabanumzana, limatshawe adlayo ngexesha elililo, enobugorha, engenamithayi!
18 Ngobuvila iyabhena imiqadi; ngokuthamba kwezandla iyanetha indlu.
19 Benza isidlo ukuba bahleke, iwayini ivuyise ubomi; imali ilungele iinto zonke.
20 Musa ukumtshabhisa ukumkani, nasesazeleni sakho, ungasitshabhisi nesityebi ezingontsini zakho zokulala; ngokuba intaka yasendle yolihambisa elo zwi, nento enamaphiko iyixele loo ntetho.