INgoma yazo iiNgoma

1 2 3 4 5 6 7 8


Isahluko 2

Ndingumfiyo waseSharon, Ndiyinyibiba yasezintlangeni.
2 Njengenyibiba phakathi kweminga, Unjalo uwethu phakathi kweentombi.
3 Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi, Injalo intanda yam phakathi koonyana. Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo, Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.
4 Indingenise endlwini yewayini, Nebhanile yayo phezu kwam luthando.
5 Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi, Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.
6 Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola.
7 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande.
8 Phulaphulani! Intanda yam, nantso isiza, Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.
9 Intanda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama. Nantso imi emva kodonga lwakokwethu, Ithe nzo ngeefestile, Inyondla ngekroba.
10 Intanda yam yasusela, yathi kum, Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze;
11 Ngokuba uyabona, ubusika budlule, Imvula igqithile yemka;
12 Iintyantyambo zibonakele ezweni; Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile; Izwi lehobe ivakele ezweni lethu;
13 Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo, Imidiliya ityatyambile, Itsho ngevumba elimnandi. Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze.
14 Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba, Ndibonise ubuso bakho, ndivise ilizwi lakho; Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha.
15 Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya; Izidiliya zethu zityatyambile.
16 Intanda yam yeyam, mna ke ndingowayo Yalusela ezinyibibeni.
17 Ide iphole imini, oluke amathunzi, Jika, ntanda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama, Ezintabeni ezibugqagala.