UMateyu

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28


Isahluko 27

Kuthe ke kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bambulale.
2 Bathi bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.
3 Waza uYuda, lowo wamngcatshayo, ebone ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela kwakubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu loo maqhosha esilivere amashumi mathathu,
4 esithi, Ndonile, kuba ndingcatshe igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto? Zibonele wena.
5 Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma.
6 Ke kaloku ababingeleli abakhulu bawathabatha loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuwagalela emkhombeni weminikelo, ngokokuba elinani legazi.
7 Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.
8 Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje.
9 Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, abammisela inani aboonyana bakaSirayeli,
10 bawarholela umhlaba wombumbi, njengoko yandiyalelayo iNkosi.
11 Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuyo, Nawe utsho.
12 Ke kaloku ekumangalelweni kwakhe ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendulanga nto.
13 Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe?
14 Akaphendula zwi, noko lilinye, yada yamangaliswa kakhulu irhuluneli leyo.
15 Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko irhuluneli ibiqhele ukuzikhululela izihlwele umbanjwa abe mnye, lowo babesithi bamfune.
16 Baye ke ngelo xesha benombanjwa obesazeka, ekuthiwa nguBharabhas.
17 Bakubon’ ukuba ngoko bahlanganisene, wathi kubo uPilato, Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na, uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu, kusini na?
18 Kuba ebesazi ukuba bamnikele ngomona.
19 Akubon’ ukuba uhleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe.
20 Kodwa ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ekuthini zicele uBharabhas, zimtshabalalise uYesu.
21 Yaphendula ke irhuluneli yathi kubo, Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena? Bathe ke bona, NguBharabhas.
22 Athi uPilato kubo, Ndimenzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu? Bathi kuye bonke, Makabethelelwe emnqamlezweni.
23 Yathi ke irhuluneli, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Makabethelelwe emnqamlezweni.
24 Uthe ke uPilato, akubona ukuba akancedi lutho, ebona ukuba sisuke sangakumbi isiphithiphithi, wathabatha amanzi, wahlamba izandla phambi kwezihlwele, esithi, Andinatyala egazini lalo mntu ulilungisa; ziboneleni nina.
25 Baphendula bonke abantu bathi, Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu.
26 Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
27 Aza amasoldati erhuluneli amthabatha uYesu, amsa endlwini yerhuluneli, alihlanganisela phezu kwakhe ibutho lawo liphela.
28 Amhluba, amnxiba ingubo ebomvu.
29 Aluka isithsaba ngameva, amthi jize ngaso entloko; abeka nengcongolo esandleni sakhe sokunene, awa ngamadolo phambi kwakhe, adlala ngaye, esithi, Aa! Kumkani wamaYuda!
30 Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko.
31 Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.
32 Athe ke ekuphumeni, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon; anyanzela lowo ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.
33 Athi akufika ndaweni kuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi,
34 amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba asele; wathi akuyiva, akavuma ukuyisela.
35 Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso, ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.
36 Ahlala phantsi, amlinda khona apho.
37 Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, lo nguYesu uKumkani wamaYuda.
38 Kwaza kwabethelelwa naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.
39 Bamnyelisa ke bona abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo,
40 besitsho ukuthi, Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni.
41 Ngokukwanjalo ke nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye, benabo ababhali namadoda amakhulu, bathi,
42 Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba unguKumkani kaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni; sokholwa nguye;
43 ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo.
44 Zaye ke nezihange, ezibe zibethelelwe eminqamlezweni naye, zimngcikiva kwangokunjalo.
45 Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba.
46 Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na?
47 Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya.
48 Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza.
49 Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.
50 Uthe ke uYesu, ephinde wadanduluka ngezwi elikhulu, wawukhupha umoya wakhe.
51 Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathele phezulu lada lesa phantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,
52 namangcwaba avuleka, zathi izidumbu ezininzi zabangcwele ababelele zavuka;
53 baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi.
54 Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo.
55 Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babemlandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela;
56 ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi.
57 Kwathi ke kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye.
58 Yena lowo waya kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikelwe umzimba.
59 Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe.
60 Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka.
61 Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba.
62 Ke kaloku ngengomso, eliyimini esemva kwaleyo yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato,
63 besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka.
64 Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala.
65 Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; hambani niye kunqabisa ngoko nazi ngako.
66 Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.