KwabaseRoma

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16


Isahluko 13

Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo.
2 Ngoko ke olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo; abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa.
3 Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi. Unga akungeloyiki na ke igunya? Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo;
4 kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba usuka wenze okubi, yoyika; kuba alifumane laliphatha ikrele, kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi.
5 Kungoko ndithi, kufuneka ukulilulamela, ningakwenzi oko ngenxa yengqumbo yodwa, nikwenze nangenxa yesazela.
6 Kuba kukwangenxa yoko eninikela irhafu; kuba ngababusi bakaThixo, bezingisa ukusebenza loo nto.
7 Ngoko bonke banikeni okubafaneleyo; mnikeni irhafu ofanelwe yirhafu, unikelo ofanelwe lunikelo, ukoyika ofanelwe kukoyikwa, imbeko ofanelwe yimbeko.
8 Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana; kuba omthandayo omnye uzalise umthetho.
9 Kuba oku kuthi, Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze ungakhanuki, nokuba kukho wumbi umthetho, uhlanganiselwe kweli lizwi lokuthi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
10 Uthando alusebenzi bubi kuye ummelwane; ngoko uthando luyinzaliseko yomthetho.
11 Ke oko masikwenze, silazi nje ixesha eli, ukuba lilixa lokuba ngoku sivuke ebuthongweni; kuba ngoku usindiso lukufuphi kuthi, kunokuya saqalayo ukukholwa.
12 Ubusuku buhambile, ukusa ke kusondele. Masiyilahle ngoko imisebenzi yobumnyama, sixhobe iintonga zokukhanya.
13 Masihambe sizibekile ngokwasemini; kungabi sezindywaleni nasekunxileni; kungabi sekuphimiseni naseburheletyweni; kungabi sezinkanini nasemoneni.
14 Yambathani ke iNkosi uYesu Kristu; ize ukwazalelela inyama ningakwenzeli ukukhwezelela iinkanuko zayo.