1 KwabaseKorinte

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16


Isahluko 10

Ke andithandi ukuba ningazi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke;
2 babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle;
3 badla bonke oko kudla kunye kukokomoya;
4 basela bonke olo luselo lunye lulolomoya (kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo ke lalinguye uKristu).
5 Kanti noko uThixo akakholiswanga ngabona baninzi; kuba bathiwa waca entlango apho.
6 Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukayo bona abo.
7 Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale.
8 Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamini-nye amawaka amashumi mabini anamathathu.
9 Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka.
10 Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi.
11 Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.
12 Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.
13 Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.
14 Kungoko ndithi, zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo.
15 Ndithetha njengakwiingqondi; kucaluleni nina endikuthethayo.
16 Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu?
17 Ngokuba thina, sibaninzi nje, sisonka sinye, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.
18 Khangelani abangamaSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, abadlelani nesibingelelo eso, yini na?
19 Ndithini na ke ngoko? Ndithi, isithixo siyinto na? Ndithi, amadini enzelwa izithixo ayinto na?
20 Anditsho! Ndithi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina.
21 Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon.
22 Siyayikhweletisa na iNkosi? Sinamandla kunayo, yini na?
23 Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke; zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke.
24 Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye.
25 Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela;
26 kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.
27 Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya, yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela.
28 Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo ndawo, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.
29 Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesinye isazela?
30 Ke ukuba mna ndidla ndibulela, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna?
31 Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke.
32 Yibani ngabangebawisi nakumaYuda, nakumaGrike, nakulo ibandla likaThixo;
33 njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.