2 KwabaseTesalonika

1 2 3


Isahluko 1

UPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika, elikuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu;
2 bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu.
3 Simelwe kukuhlala sibulela kuThixo ngenxa yenu, bazalwana, njengokuba kufanelekile, ngokuba lukhula ngokugqithiseleyo ukholo lwenu, lusanda uthandano lwenu nonke ngabanye;
4 ngokokude thina ngokwethu siqhayise ngani emabandleni kaThixo, ngenxa yonyamezelo lwenu, nokholo lwenu, ezintshutshisweni zenu zonke, nasezimbandezelweni enizinyamezelayo;
5 umbonakaliso ke lowo womgwebo onobulungisa kaThixo, ukuze nibalelwe ekuthini nibufanele ubukumkani bukaThixo, enithi ngenxa yabo nive nokuva ubunzima;
6 ukuba kanti yinto ebubulungisa kuThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abanibandezelayo;
7 athi, nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo;
8 inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu;
9 bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo, bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo;
10 xa ithe yeza kuzukiswa kubangcwele bayo, imangaliseke kubo bonke abakholwayo (ngokuba nakholwa bubungqina bethu kuni), ngaloo mini.
11 Ngoko ke sihlala sithandaza nokuthandaza ngenxa yenu, ukuba uThixo wethu anibalele ekuthini nilufanele ubizo lwenu, azalise ngokunamandla konke ukukholiswa kukulunga, nomsebenzi wokholo;
12 ukuze lizukiswe igama leNkosi yethu uYesu Kristu kuni, nani nizukiswe kuye, ngokobabalo lukaThixo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.