EkaYuda Jude

1


Isahluko 1

UYuda, umkhonzi kaYesu Kristu, umzalwana ke kaYakobi, ubhalela abangcwalisiweyo bekuThixo uYise, begcinelwe uYesu Kristu, bengababiziweyo:
2 uthi, Makwandiswe kuni inceba noxolo nothando.
3 Zintanda, ndikukhuthalele ngenyameko yonke nje ukunibhalela ngalo usindiso esidlelana ngalo, kwafuneka ukuba ndinibhalele, ndinivuselele, ukuba niluzamele ukholo abalunikelwayo kwakanye abangcwele.
4 Kuba kuthwethwe bantu bathile; abo babebalulelwe ngenxa engaphambili kolo lugwebo, abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, bemkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, uThixo wethu, iNkosi yethu uYesu Kristu.
5 Ndinga ke ndinganikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade, ukuba iNkosi, yakuba ibasindisile abantu emhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibini yabatshabalalisa abo bangakholwanga.
6 Kananjalo izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zesuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko.
7 Njengokuba iSodom neGomora, nayo imizi engakuyo, yenza kakhulu umbulo ngohlobo olufana nolwazo ezo, imka ilandela nyama yimbi, ibekwe ekuhleni ukuba ibe ngumqondiso, iviswa ubetho lomlilo ongunaphakade.
8 Kwangokunjalo nabo aba baphuphayo badyobha inyama, batshitshise ubukhosi, banyelise izikhakhamela.
9 Kanti yena uMikayeli, isiphatha-zithunywa zezulu, oko wayebambene naye uMtyholi, bebangisana ngawo umzimba kaMoses, akabanga nabuganga bakumzisela mgwebo wakunyelisa; wesuka wathi, INkosi mayikukhalimele.
10 Ke bona aba okunene izinto zonke abangazaziyo bayazinyelisa; kodwa izinto zonke abazaziyo kakuhle ngemvelo, njengezinto eziphilileyo ezingenangqondo, bayazonakalisa ngazo ezo.
11 Yeha ke bona! Ngokuba bahamba ngendlela kaKayin; bakhukuliswa lulahlekiso lukaBhileham ngenxa yomvuzo; batshabalala ephikeni likaKora.
12 Aba zizixhobo zamatye aselwandle ezidlweni zenu zothando, bezingxala ukudla nani, bezidlisa okwabo ngokungenakoyika. Bangamafu angenamanzi, aqhutywaqhutywa yimimoya; bayimithi evuthulukileyo, engenaziqhamo, efe kabini, enyothulwe iingcambu;
13 bangamaza alwayo olwandle, elephuza awawo amahlazo; baziinkwenkwezi eziphalaphalayo, begcinelwe isithokothoko sobumnyama ngonaphakade.
14 Waprofeta ke nangabo uEnoki, owesixhenxe ukususela kuAdam, esithi, Yabonani, yeza iNkosi namawakawaka abangcwele bayo,
15 ukuba ibagwebe bonke, ibohlwaye bonke abangahloneli Thixo kubo, ngenxa yemisebenzi yabo yonke yokungahloneli Thixo, abayenze bengahloneli Thixo, nangenxa yazo zonke izinto ezilukhuni, ababezithethile ngayo aboni abangahloneli Thixo.
16 Aba ngabakrokri abasolayo, behamba ngokweenkanuko zabo, umlomo wabo uthetha iindumbisa zamazwi, bencoma ubuso bomntu ngenxa yenzuzo.
17 Ke nina, zintanda, wakhumbuleni amazwi abethethwe ngenxa engaphambili ngabo abapostile beNkosi yethu uYesu Kristu.
18 Ngokuba babesithi kuni, Kuya kubakho abagxeki ngexesha lokugqibela, behamba ngokwezabo iinkanuko zokungahloneli Thixo.
19 Aba ngabazahlukanisayo, bengabemvelo, uMoya bengenaye.
20 Ke nina, zintanda, zakheni elukholweni lwenu olungcwele kanye, nithandaza nikuMoya oyiNgcwele.
21 Hlalani nihleli eluthandweni lukaThixo, niyilinde inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu, kuse ebomini obungunaphakade.
22 Inxenye okunene yenzeleni inceba, nicalula;
23 kodwa inxenye yisindiseni nizoyikela, nibaphanga emlilweni, niyithiya nengubo edyojiweyo yinyama.
24 Kulowo ke unako ukunilondoloza ningabi nakukhubeka, nokunimisa phambi kobuqaqawuli bakhe ningenabala, nigcoba:
25 kuThixo olumkileyo yedwa, uMsindisi wethu, makubekho uzuko nobukhulu, amandla negunya, nangoku, kude kuse nasemaphakadeni onke. Amen.