Faith


  • Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo. -
    KwabaseRoma 10:17
  • Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda.Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho. -
    miZekeliso3:5, 6
  • Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo. -
    UMarko 9:23
  • Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe. -
    2 KwabaseKorinte 5:17
  • ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo. -
    ULuka 1:37
  • Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni. -
    UMateyu 9:29
  • Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo. -
    KumaHebhere 11:1
  • Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa.Ke makacele ekholwa, engathandabuzi; kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka.Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi.Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo. -
    EkaYakobi 1:5-8
  • Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo -
    KumaHebhere 11:6
  • Kuba, kwanjengokuba umzimba, ungekho umoya, ufile, ngokunjalo ukholo, ingekho imisebenzi, lufile nalo. -
    EkaYakobi 2:26
  • Ke lowo uthandabuzayo, ukuba uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba engadli ngokwaselukholweni; konke ke okungekokwaselukholweni kusisono. -
    KwabaseRoma 14:23
  • Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni; Ukuba ke uthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam. -
    KumaHebhere 10:38
  • Yabona, nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye; Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe. -
    UYobhi 13:15
  • Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka anavuma. -
    Isaya 30:15
  • ukuba asithembekile, yena uhlala ethembekile; akanako ukuzikhanyeza.
    2 KuTimoti 2:13
  • Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu. -
    1 UYohane 5:4
  • Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo. -
    KwabaseEfese 6:16
  • Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela. -
    UMateyu 17:20
  • sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo. -
    KumaHebhere 12:2
  • Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; -
    KwabaseRoma 5:1
  • Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.-
    UMarko 11:22
  • Enigcoba ngalo, nokuba nithe naba buhlungu umzuzwana ngoku, ukuba nimelwe kuko, phakathi kwezilingo ngezilingo;ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.Enithe, ningambonanga nje, namthanda; enithi ke nikholwa kuye, noko ngoku ningamboniyo, nigcobe ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo;nisamkela isiphelo sokholo lwenu, usindiso ke lwemiphefumlo yenu. -
    1 KaPetros 1:6-9