Love


  • Kungoku ke kuhleli ukholo, ithemba, uthando, ezo zinto zontathu; eyona inkulu ke kuzo apho luthando. -
    1 KwabaseKorinte 13:13
  • Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti. -
    UMateyu 22:37-40
  • Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. -
    UYohane 3:16
  • Ngaphezu kweento zonke ke, yibani nothandano olunyamekileyo, ngokuba uthando luya kugubungela inkitha yezono. -
    1 KaPetros 4:8
  • Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu.Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?ntwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso. -
    1 UYohane 3:16-18
  • Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo. Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo.Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando. -
    1 UYohane 4:7, 8
  • Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
    KumaGalati 5:14
  • Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam. -
    UYohane 14:15
  • Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum. -
    UMateyu 25:40
  • Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti. -
    UMateyu 7:12
  • ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani.Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo. -
    KwabaseKolose 3:13, 14
  • Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando. -
    1 KwabaseKorinte 16:14
  • Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe. -
    UYohane 15:13
  • Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.
    1 UYohane 4:19
  • Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, 9 nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu. -
    KwabaseRoma 8:38, 39
  • Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane.Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana. -
    UYohane 13:34, 35
  • Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye.Athi kuye uYuda (ingenguye uSikariyoti), Nkosi, kutheni na, le nto uza kuzibonakalalisa kuthi, ungazibonakalalisi kulo ihlabathi?Waphendula uYesu wathi kuye, Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande, size kuye, sihlale naye.Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am; ilizwi enilivayo asililo elam, lelikaBawo owandithumayo.
    UYohane 14:21-24
  • Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo. -
    KwabaseRoma 12:9
  • Zintanda, ukuba wenjenjalo uThixo ukusithanda, nathi sifanele ukuthandana. -
    1 UYohane 4:11
  • Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe. -
    1 UYohane 4:21

  • IDuteronomi 6:5
  • Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke;
    IDuteronomi 10:12
  • ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.
    IDuteronomi 30:20
  • Kodwa moyikeni uYehova, nimkhonze ngenyaniso, ngentliziyo yenu yonke; ngokuba kuboneni okukhulu anenzele khona.
    1 KaSamuweli 12:24
  • Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam: Nenyama yam iya kuhlala ikholosile.
    iNdumiso 16:8, 9
  • Kumongameli: eyokuqiqa; eyoonyana bakaKora. Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi, Wenjenjalo ukutsalela kuwe, Thixo, umphefumlo wam.Umphefumlo wam unxanela uThixo, uThixo ophilileyo; Ndiya kufika nini na, ndibonakale ebusweni bukaThixo?
    iNdumiso 42:1, 2
  • Umhobe kaDavide: oko ebesentlango yakwaYuda. Thixo, unguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa, Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.
    iNdumiso 63:1
  • Ndinabani na emazulwini? Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi.Ingaphela inyama yam nentliziyo yam: Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.
    iNdumiso 63:8

  • iNdumiso 73:25, 26
  • Kuba ewuhluthisile umphefumlo otshobayo, Wawuzalisa ngokulungileyo umphefumlo olambileyo.
    iNdumiso 107:9
  • Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam.Ngokuba endithobele indlebe yakhe, Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke.
    iNdumiso 116:1, 2
  • Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam.Ngokuba endithobele indlebe yakhe, Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke.
    UMateyu 6:22
  • Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.
    UMateyu 6:33
  • Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.
    UMateyu 19:29
  • Hlalani kum, mna ndihlale kuni. Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum.
    UYohane 15:4
  • Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni.
    KwabaseKolose 3:2
  • Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.
    1 UYohane 5:3