Forgiveness


  • Kuba xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani.Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu.
    UMateyu 6:14, 15
  • Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso. -
    ULuka 23:34
  • Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; hamba, ungabuye wone. -
    UYohane 8:11
  • Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho.-
    Isaya 43:25
  • Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.
    UMateyu 5:7
  • Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo, Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula.-
    KumaHebhere 8:12
  • Kwandula kweza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na?Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe. -
    UMateyu 18:21, 22
  • Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. -
    1 UYohane 1:9
  • Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu; -
    iNdumiso 103:12
  • Uze ungaphindezeli; uze ungabi nanqala koonyana babantu bakowenu; uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako; ndinguYehova. -
    ILevitikus 19:18
  • Kowenceba uzenza owenceba, Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo; -
    iNdumiso 18:25
  • Ngokuba ulungile wena, Nkosi yam, uxolela; Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo. -
    iNdumiso 86:5
  • Inceba nenyaniso mayingakushiyi; Zinxibe kuwe emqaleni; Zibhale elucwecweni lwentliziyo yakho,Ubabalwe ube nengqiqo entle Emehlweni kaThixo nawabantu.-
    miZekeliso 3:3, 4
  • Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu. -
    UMateyu 18:35
  • Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.-
    UMarko 11:25
  • Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; khululani, naniya kukhululwa. -
    ULuka 6:37
  • Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu. -
    KwabaseEfese 4:32
  • ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. -
    KwabaseKolose 3:13
  • nivelela, ukuze kungabikho bani usilelayo elubabalweni lukaThixo, kungabikho ngcambu yabukrakra, ithi ivele ihlume, inikhathaze, bathi abaninzi badyojwe yiyo; -
    KumaHebhere 12:15