Supply


  • Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi. - 1
    Timothy 6:10
  • Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. -
    UMateyu 6:33
  • Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje? Nithi ke, Sitheni na ukukuqhatha? Kwizishumi nemirhumo.Niqalekisiwe ngesiqalekiso; noko ke niphikele ukundiqhatha, nina luhlangandini nonke niphelu.Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho. -
    UMalaki 3:8-10
  • Ke uThixo wam wokwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu. -
    KwabaseFilipi 4:19
  • Ndaka ndamtsha, kungokunje ndimdala; Ukanti andizanga ndilibone ilungisa lishiywa, Nembewu yalo ivukela ukutya. -
    iNdumiso 37:25
  • Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva.Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye. -
    1 UYohane 5:14, 15
  • Umhobe kaDavide. UYehova ngumalusi wam, andisweli lutho. -
    iNdumiso 23:1
  • Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe; Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo. -
    iNdumiso 34:10
  • Mayibongwe iNkosi; Ithwala imithwalo yethu imihla ngemihla; NguThixo umsindisi wethu. (Phakamisani. -
    iNdumiso 68:19
  • Ndim uYehova uThixo wakho, Okunyusileyo elizweni laseYiputa. Yakhamisa, ndiwuzalise umlomo wakho. -
    iNdumiso 81:10
  • Ngokuba ulilanga, uyingweletshetshe uYehova uThixo, UYehova uyababala azukise; Abahamba ngokugqibeleleyo akabavimbi nto ilungileyo. -
    iNdumiso 84:11
  • Amehlo eento zonke akhangele kuwe, Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo;Uyasivula isandla sakho, Uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo. -
    iNdumiso 145:15, 16
  • Ilungisa lidla ukuba kuhluthe umphefumlo walo; Ke sona isisu sabangendawo siyalamba. -
    miZekeliso 13:25
  • Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe;ukuba nithe anavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile. -
    Isaya1:19, 20
  • Ndowenza wona, kwaneendawo ezingeenxa zonke endulini yam, ube yintsikelelo; ndihlise imvula ngexesha elililo; iya kuba yimvula yentsikelelo. -
    UHezekile 34:26
  • Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli.-
    UMateyu 6:8
  • Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. -
    UMateyu7:7, 8
  • Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo? -
    UMateyu 7:11
  • Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela. -
    UMateyu 21:22
  • Yathi kubo, Okuya ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na? Bathi ke bona, Nento le. -
    ULuka 22:35
  • Ngokunjalo neNkosi le yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi. -
    1 KwabaseKorinte 9:14
  • nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe. -
    1 UYohane 3:22