Abortion


  • Uze ungabulali. -
    IDuteronomi 5:17
  • Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; Ziyiliwe ngenxa engaphambili, Kungekabikho ke nanye kuzo.-
    iNdumiso 139:16
  • Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana. -
    IGenesis 1:27
  • Uyabona, ilifa likaYehova ngoonyana, Umvuzo sisiqhamo sesizalo. -
    iNdumiso 127:3
  • Ngokuba wena wazibumba izintso zam, Wandibiyela esizalweni sikama.Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; Zibalulekile izenzo zakho, Umphefumlo wam uyazi kakuhle.Ayengagushekile kuwe amathambo am, Mna ndenzelwayo entsithelweni, Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba. -
    iNdumiso 139:13-15
  • Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye? Owasimilisa esizalweni akamnye na? -
    UYobhi 31:15
  • Ndingekakubumbi esizalweni, bendikwazi; ungekaphumi embilinini, ndakungcwalisa, ndakumisa waba ngumprofeti weentlanga. -
    Yeremiya 1:5