Results of Praise


  • Wathi kubo, Yiyani, nidle amanqatha, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini ingcwele kwiNkosi yethu. Musani ukuba buhlungu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.
    Nehemiah 8:10
  • Obingelela umbulelo uyandizukisa, Alungise indlela, Endombonisa kuyo usindiso lukaThixo.
    iNdumiso 50:23
  • Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma! Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova.
    iNdumiso 89:15
  • Wophuma kuzo umbulelo nezwi labaqambayo; ndibandise, bangabi mbalwa; ndibazukise, banganciphi.
    Yeremiya 30:19
  • bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza abasiNdiswayo imihla ngemihla kulo ibandla.
    IZenzo 2:47
  • Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo.
    KwabaseFilipi 4:6
  • Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam.Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.
    UMateyu 5:10-12
  • Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu.Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.
    ULuka 6:22, 23
  • Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.
    UYohane 16:33
  • Bemka ke ngoko bona ebusweni bentlanganiso yamatyala, bevuya, ngokuba kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.
    IZenzo 5:41
  • Ehla ke, mntundini! Ungubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingatsho na kumxonxi Wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza?
    KwabaseRoma 9:20
  • ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.
    2 KwabaseKorinte 6:10
  • Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele.
    KwabaseFilipi4:11
  • Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.
    1 KwabaseTesalonika 5:18
  • Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli.
    KumaHebhere 10:34
  • Enithe, ningambonanga nje, namthanda; enithi ke nikholwa kuye, noko ngoku ningamboniyo, nigcobe ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo;
    1 KaPetros 1:8
  • Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.
    1 KaPetros 3:14
  • Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba. Ukuba ke ubani uva ubunzima ngokuba engumKristu, makangadani; makamzukise ke uThixo ngaloo ndawo.
    1 KaPetros 4:13, 16

  • iNdumiso 32:11
  • Memelelani kuYehova, nina malungisa; Ibafanele abathe tye indumiso.
    iNdumiso 33:1
  • EkaDavide; oko wazenza ophambene ingqondo phambi koAbhimeleki, waza yena wamgxotha, wahamba. Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke, Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe.
    iNdumiso 34:1
  • Ulwimi lwam luya kuxela ubulungisa bakho Nendumiso yakho, imihla yonke.
    iNdumiso 35:28
  • Mayibongwe iNkosi; Ithwala imithwalo yethu imihla ngemihla; NguThixo umsindisi wethu. (Phakamisani.
    iNdumiso 68:19
  • Umlomo wam uya kuzala yindumiso yakho, Sisihombo sakho imini yonke.
    iNdumiso 71:8
  • Umhobe; ingoma, ngemini yesabatha. Kulungile ukubulela kuYehova, Nokulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni;Ukuyixela kwakusasa inceba yakho, Nokunyanisa kwakho ebusuku,
    iNdumiso 92:1, 2
  • Ngenani emasangweni akhe nibulela, Ezintendelezweni zakhe nidumisa; Bulelani kuye, bongani igama lakhe.
    iNdumiso 100:4
  • EkaDavide. Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kwam.Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ungayilibali yonke impatho yakhe entle:
    iNdumiso 103:1, 2
  • Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
    iNdumiso 107:8
  • Mababingelele imibingelelo yombulelo, Bancokole ngezenzo zakhe bememelela.
    iNdumiso 107:22
  • Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, Malidunyiswe igama likaYehova.
    iNdumiso 113:3
  • Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizise kuThixo emazulwini.
    Lamentations 3:41
  • Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela: Endakubhambathisayo ndiya kukuzalisa. Usindiso lukuYehova.
    JONAH 2:9
  • nithetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise;
    KwabaseEfese 5:19, 20
  • Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.
    1 KwabaseTesalonika 5:18
  • Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.
    KumaHebhere 13:15
  • Haleluya! Kwaphuma izwi etroneni, lisithi: Mdumiseni uThixo wethu, nonke nina bakhonzi bakhe, Nani bamoyikayo, abancinane kwanabakhulu.
    IsiTyhilelo 19:5