Dependency on the Lord



  • IEksodus 14:13, 14
  • Xa uthe waphuma waya kulwa neentshaba zakho, waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa, abantu abaninzi kunawe, uze ungaboyiki; ngokuba unawe uYehova uThixo wakho, owakunyusayo ezweni laseYiputa.
    IDuteronomi 20:1
  • And the LORD, he it is that doth go before thee; he will be with thee, he will not fail thee, neither forsake thee: fear not, neither be dismayed.
    IDuteronomi 31:8
  • indoda inye kuni isukele iwaka; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo, njengoko wakuthethayo kuni.
    UYoshuwa 23:10
  • Iinyawo zabakhe benceba uya kuzigcina, Abangendawo badake ebumnyameni; Ngokuba indoda ayeyisi ngamandla.
    1 KaSamuweli 2:9
  • Wathi ke uYonatan kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yaba bangalukileyo; mhlawumbi uYehova wosisebenzela; ngokuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi nangabambalwa.
    1 KaSamuweli 14:6
  • lazi lonke eli bandla, ukuba akungakrele, akungantshuntshe ukusindisa kukaYehova; ngokuba imfazwe yekaYehova; woninikela ke esandleni sethu.
    1 KaSamuweli 17:47
  • Yomelelani nikhaliphe; musani ukoyika; musani ukuqhiphuka umbilini ngukumkani waseAsiriya, nayingxokolo yonke anayo, ngokuba baninzi abangakuthi, phezu kwabangakuye.Okunaye yingalo yenyama, okunathi nguYehova uThixo wethu, ukuba asincede, alwe amadabi ethu. Abantu bayama emazwini kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.
    2 YeziKronike 32:7, 8
  • Imikhondo yam ibambe iindlela zakho, Azashukuma iinyawo zam.
    iNdumiso 17:5
  • Imikhondo yam ibambe iindlela zakho, Azashukuma iinyawo zam.
    iNdumiso 26:1
  • Sincede kumbandezeli wethu; Alunto yanto usindiso lomntu.
    iNdumiso 60:11
  • Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam, Ngokuba livela kuye ithemba lam.
    iNdumiso 62:5
  • Hayi, uyolo lwabantu abamandla akuwe, Abakhumbula umendo oya eZiyon! Baya besomelela ngokomelela; Babonakala phambi koThixo eZiyon, bathi,
    iNdumiso 84:5, 7
  • Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki; Uya kuda ababonele ababandezeli bakhe.
    iNdumiso 112:7, 8
  • Kulungile ukuzimela ngoYehova, Ngaphezu kokukholosa ngomntu.
    iNdumiso 118:8
  • Ndivise kwakusasa inceba yakho, Ngokuba ndikholose ngawe. Ndazise indlela endiya kuhamba ngayo: Ngokuba ndiwuphakamisela kuwe umphefumlo wam.
    iNdumiso 143:8
  • Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda.Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho.
    miZekeliso 3:5, 6
  • Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka anavuma.
    Isaya 30:15
  • Saphendula sathi kum, Nali ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, Akungabukroti, akungamandla; kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi.
    UZekariya 4:6
  • Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto.
    UYohane 15:5
  • Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu.
    1 UYohane 5:4