Rest and Vacations



  • iNdumiso 3:5
  • Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)
    iNdumiso 4:8
  • Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini;
    iNdumiso 91:5
  • Nifumana nivuka kusasa, Nihlale nisebenza kude kube sebusuku, Nikudla ukudla kokubulaleka; Uyipha intanda yakhe, ilele ubuthongo.
    iNdumiso 127:2
  • Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya; Wolala, bube mnandi ubuthongo bakho.
    miZekeliso 3:24
  • Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.
    Ecclesiastes 5:12
  • Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.
    Isaya 57:2
  • Makabongwe uYehova, obanike ukuphumla abantu bakhe amaSirayeli, njengoko konke wakuthethayo; akwaphalala nalinye ilizwi kuwo onke amazwi akhe alungileyo, awawathethayo ngoMoses umkhonzi wakhe.
    1 YooKumkani 8:56
  • Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;
    UYobhi 11:18
  • Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.
    Isaya 57:2
  • Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko, wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingeni:uya kwandula ukuziyolisa ngoYehova, ndikukhwelise emimangweni yomhlaba, ndikudlise ilifa likaYakobi uyihlo; kuba umlomo kaYehova uthethile.
    Isaya 58:13:14
  • Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke.
    1 KwabaseKorinte 10:31
  • Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe.
    KumaHebhere 4:9, 10