ILevitikus

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27


Isahluko 15

Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
2 Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi kubo, Indoda ngendoda, xa ithe yanobhobhozo oluphuma enyameni yayo, iyinqambi ngobhobhozo lwayo olo.
3 Boba bobu ubunqambi bayo ekubhobhozeni kwayo; nokuba inyama yayo iyachiza ukubhobhoza kwayo, nokuba inyama iyakuvingca ukubhobhoza kwayo, bubunqambi bayo obo.
4 Sonke isilili alala kuso lowo ubhobhozayo soba yinqambi, nempahla yonke ahlala kuyo yoba yinqambi.
5 Indoda esukuba isichukumisa isilili salowo, yozihlamba iingubo zayo, ihlambe emanzini, ibe yinqambi, ihlwise.
6 Lowo uhlala phezu kwempahla abehleli kuyo obhobhozayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.
7 Lowo uwuchukumisayo umzimba wobhobhozayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.
8 Xa athe obhobhozayo wamtshicela ohlambulukileyo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.
9 Zonke iinqwelo asukuba ekhwela kuzo obhobhozayo zoba ziinqambi.
10 Bonke abo bachukumisa nantoni ibiphantsi kwakhe, boba ziinqambi, bahlwise; lowo uyithwalayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.
11 Bonke abasukuba bemchukumisa obhobhozayo, bangazigaleli amanzi izandla zabo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
12 Impahla yomdongwe abeyichukumisile obhobhozayo yoqhekezwa; yonke impahla yomthi yoxukuxwa ngamanzi.
13 Xa athe wahlambuluka obhobhozayo ekubhobhozeni kwakhe, wozibalela imihla esixhenxe yokuhlanjululwa kwakhe, azihlambe iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini aphilileyo; wohlambuluka ke.
14 Ngomhla wesibhozo wozithabathela amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, eze phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana, awanike umbingeleli;
15 awanikele umbingeleli, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo; umbingeleli amcamagushele phambi koYehova ngenxa yokubhobhoza kwakhe.
16 Indoda xa ithe yancola, yowuhlamba wonke umzimba wayo emanzini, ibe yinqambi, ihlwise.
17 Neengubo zonke, nezikhumba zonke ezinoncolo, zohlanjwa ngamanzi, zibe ziinqambi, zihlwise.
18 Ke umfazi ethe indoda yamlala, bohlamba ngamanzi, babe ziinqambi bahlwise bobabini.
19 Umfazi xa athe wampompoza, kwaba ligazi ukumpompoza kwakhe enyameni yakhe, woba sekungcoleni kwakhe imihla esixhenxe; bonke abo bamchukumisayo boba ziinqambi, bahlwise.
20 Yonke into asukuba elala phezu kwayo ekungcoleni kwakhe, yoba yinqambi; nento yonke asukuba ehlala phezu kwayo, yoba yinqambi.
21 Bonke abo bachukumisa isilili sakhe bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
22 Bonke abo bachukumisa nantoni yempahla ahlala phezu kwayo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
23 Nokuba lisesililini, nokuba lisempahleni ahlala kuyo, ekulichukumiseni kwabo boba ziinqambi, bahlwise.
24 Ukuba indoda ithe yalala naye, kwafikelela kuyo ukungcola kwakhe, yoba yinqambi imihla esixhenxe, nesilili sonke elele kuso soba yinqambi.
25 Umfazi xa athe wampompoza ukumpompoza kwegazi lakhe imihla emininzi, ingelilo ixesha lokungcola kwakhe, naxa lithe lampompoza ngaphezu kwelokungcola kwakhe: yonke imihla yokumpompoza kobunqambi bakhe yoba njengemihla yokungcola kwakhe, abe yinqambi yena.
26 Zonke izilili athe walala kuzo, yonke imihla yokumpompoza kwakhe, zoba njengesilili sokungcola kwakhe kuye; zonke iimpahla athe wahlala kuzo, zoba ziinqambi njengobunqambi bokungcola kwakhe.
27 Bonke abo bazichukumisayo ezo nto, boba ziinqambi; bazihlambe iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
28 Ukuba uthe wahlambuluka ekumpompozeni kwakhe, wozibalela imihla esixhenxe emveni koko, ahlambuluke ke;
29 ngomhla wesibhozo azithabathele amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, awazise kumbingeleli emnyango wentente yokuhlangana,
30 awanikele umbingeleli, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo. Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova ngenxa yokumpompoza kobunqambi bakhe.
31 Nize nibakhwelelise ke oonyana bakaSirayeli ebunqambini babo; bangafeli ebunqambini babo, ngokuwenza inqambi umnquba wam ophakathi kwabo.
32 Nguwo lowo umyalelo walowo ubhobhozayo, nowoncolayo waba yinqambi ngaloo nto;
33 nowalowo unomzi wokungcola kwakhe, nowalowo umpompoza ukumpompoza kwakhe, nokuba yindoda, nokuba ngumfazi, nokuba yindoda elele nomfazi oyinqambi.