ILevitikus

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27


Isahluko 16

Wathetha uYehova kuMoses emveni kokufa koonyana ababini baka-Aron, ekusondeleni kwabo phambi koYehova, baza bafa.
2 Wathi uYehova kuMoses, Thetha kuAron umkhuluwa wakho, angangeni ngamaxesha onke engcweleni ngaphaya komkhusane, phambi kwesihlalo sokucamagusha esiphezu kwetyeya, ukuze angafi; kuba ndiya kubonakala efini phezu kwesihlalo sokucamagusha.
3 Wongena uAron engcweleni enezi zinto: enenkunzi entsha, elithole lenkomo, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu, ibe lidini elinyukayo.
4 Uya kwambatha ingubo engcwele yangaphantsi yelinen emhlophe, ibekho nebhulukhwe yelinen emhlophe emzimbeni wakhe, abhinqiswe ngombhinqo welinen emhlophe, ajikele unkontsho lwelinen emhlophe: ziingubo ezingcwele ezo. Wowuhlamba umzimba wakhe emanzini, azinxibe ke.
5 Wothabatha ebandleni loonyana bakaSirayeli iinkunzi zeebhokhwe ezixhonti zibe mbini, zibe lidini lesono, nenkunzi yemvu enye ibe lidini elinyukayo.
6 Woyisondeza uAron inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe, azicamagushele okwakhe nokwendlu yakhe.
7 Wozithabatha iinkunzi zeebhokhwe zombini, azimise phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana;
8 enze amaqashiso uAron phezu kweenkunzi zeebhokhwe zombini: elinye iqashiso libe lelikaYehova, elinye iqashiso libe lelika-Azazele.
9 Maze ayisondeze uAron inkunzi yebhokhwe eliphume nayo iqashiso likaYehova, ayenze idini lesono;
10 ke yona inkunzi yebhokhwe eliphume nayo iqashiso lika-Azazele, makayimise iphilile phambi koYehova, ayicamagushele, ayithumele kuAzazele entlango.
11 Makayisondeze uAron inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe, azicamagushele okwakhe nokwendlu yakhe, ayixhele inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe.
12 Makathabathe ugcedevu luzele ngamahlahle omlilo esibingelelweni, esisebusweni bukaYehova, azalise izandla zakhe ngesiqhumiso esimnandi esicolekileyo, asingenise ngaphaya komkhusane;
13 asibeke isiqhumiso phezu komlilo phambi koYehova, ukuze ilifu lesiqhumiso lisisibekele isihlalo sokucamagusha esiphezu kwesingqino, ukuze angafi.
14 Wocaphula egazini lenkunzi entsha yenkomo, alifefe ngomnwe wakhe esihlalweni sokucamagusha ngasempumalanga, nangaphambili kwesihlalo sokucamagusha, afefe ngenxalenye yegazi izihlandlo ezisixhenxe ngomnwe wakhe.
15 Woyixhela inkunzi yebhokhwe yedini lesono eyeyabantu, alise igazi layo ngaphaya komkhusane, alenze igazi layo njengoko walenzayo igazi lenkunzi entsha yenkomo, alifefe esihlalweni sokucamagusha nangaphambili kwesihlalo sokucamagusha;
16 ayicamagushele ingcwele ngenxa yobunqambi boonyana bakaSirayeli, nangenxa yezikreqo zabo ngokubhekisele ezonweni zabo zonke; enjenjalo kwintente yokuhlangana ehleliyo nabo phakathi kobunqambi babo.
17 Makungabikho mntu ententeni yokuhlangana, ekungeneni kwakhe ukuya kucamagusha engcweleni, kude kube sekuphumeni kwakhe. Makazicamagushele okwakhe, nokwendlu yakhe, nokwesikhungu sonke samaSirayeli.
18 Wophuma aye esibingelelweni esiphambi koYehova, asicamagushele, acaphule egazini lenkunzi entsha yenkomo, nasegazini lenkunzi yebhokhwe, alidyobhe ajikelezise ezimpondweni zesibingelelo;
19 asifefe ngenxalenye yegazi ngomnwe wakhe izihlandlo ezisixhenxe, asihlambulule, asingcwalise, ebunqambini boonyana bakaSirayeli;
20 agqibe ukuyicamagushela ingcwele nentente yokuhlangana, nesibingelelo. Woyisondeza inkunzi yebhokhwe ephilileyo,
21 acinezele uAron ngezandla zakhe zozibini entlokweni yenkunzi yebhokhwe ephilileyo, abuvume phezu kwayo bonke ubugwenxa boonyana bakaSirayeli, nezikreqo zabo zonke ngokubhekisele ezonweni zabo zonke, azibeke ke phezu kwentloko yenkunzi leyo yebhokhwe, ayithumele entlango ngendoda ezilungisele oko.
22 Inkunzi leyo yebhokhwe yobuthwala ke phezu kwayo bonke ubugwenxa babo, iye ezweni eliqhiwukileyo; ayikhulule inkunzi yebhokhwe leyo entlango apho.
23 UAron wongena ententeni yokuhlangana, azihlube iingubo zelinen emhlophe, abezambethe ukungena kwakhe engcweleni, azishiye khona;
24 awuhlambe umzimba wakhe ngamanzi endaweni engcwele, anxibe iingubo zakhe, aphume, enze idini lakhe elinyukayo, nedini elinyukayo labantu, azicamagushele okwakhe nokwabantu;
25 aqhumisele ngenqatha ledini lesono esibingelelweni.
26 Lowa wayikhululela kuAzazele inkunzi yebhokhwe, wozihlamba iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini, emveni koko angene eminqubeni.
27 Ke yona inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, nenkunzi yebhokhwe yedini lesono, ezigazi langeniswa ukuba licamagushe engcweleni, zokhutshelwa ngaphandle kweminquba, zitshiswe ngomlilo izikhumba zazo, nenyama yazo, nomswane wazo.
28 Lowo uzitshisayo wozihlamba iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini, emveni koko angene eminqubeni.
29 Koba ngummiselo ongunaphakade kuni, ukuthi: Ngenyanga yesixhenxe, ngolweshumi enyangeni leyo, niyithobe imiphefumlo yenu, ningenzi namnye umsebenzi, nokuba ngozalelwe ekhaya, nokuba ngumphambukeli ophambukele kuni,
30 kuba ngaloo mhla uya kunicamagushela, ukuba anihlambulule, nihlambuluke ezonweni zenu zonke phambi koYehova.
31 Yisabatha kasabatha kuni; noyithoba imiphefumlo yenu: ngummiselo ke ongunaphakade.
32 Wocamagusha ke umbingeleli, lowo uya kuthanjiswa, amiselwe ukuba abe ngumbingeleli esikhundleni sikayise; azinxibe iingubo zelinen emhlophe, iingubo ezingcwele;
33 ayicamagushele ingcwele kangcwele, nentente yokuhlangana, asicamagushele isibingelelo, abacamagushele ababingeleli, nabantu bonke besikhungu.
34 Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kuni wokubacamagushela oonyana bakaSirayeli ngenxa yezono zabo zonke, kube kanye ngomnyaka. Wenza ke njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.