2 YooKumkani

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25


Isahluko 17

Ngomnyaka weshumi elinesibini ka-Ahazi ukumkani wakwaYuda, uHoseya, unyana kaEla, waba ngukumkani kwaSamari kumaSirayeli, iminyaka yasithoba.
2 Wenza okubi emehlweni kaYehova; noko akaba njengookumkani bakwaSirayeli ababephambi kwakhe.
3 UShalemanesere ukumkani waseAsiriya wenyuka, wamfikela uHoseya; waba ngumkhonzi wakhe, wamana emrholela iminikelo.
4 Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wamfumana uHoseya eliphamba, ngokuthi athume izigidimi kuSo, ukumkani wamaYiputa, angawunyusi awuse umnikelo kukumkani waseAsiriya, njengokweminyaka ngeminyaka; ukumkani waseAsiriya wamvalela ke, wamkhonkxa entolongweni.
5 Ukumkani waseAsiriya waligqiba lonke ilizwe; wenyuka waya kumzi wakwaSamari, wawungqinga iminyaka emithathu.
6 Ngomnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani waseAsiriya wawuthimba umzi wakwaSamari, wawafudusela amaSirayeli eAsiriya, wawabeka eHala, naseHabhore, emlanjeni oyiGozan, nasemizini yamaMedi.
7 Kwenzeka oko kuba oonyana bakaSirayeli bonayo kuYehova uThixo wabo, owabanyusayo ezweni lamaYiputa, wabarhola phantsi kwesandla sikaFaro ukumkani waseYiputa; boyika thixo bambi,
8 bahamba emimiselweni yeentlanga, ebezigqogqe uYehova ebusweni boonyana bakaSirayeli, nakweyookumkani bakwaSirayeli, ababeyenzile.
9 Oonyana bakaSirayeli benza ngasese izinto ezingezizo kuYehova uThixo wabo, bazakhela iziganga emizini yabo yonke, kwathabathela kwinqaba yababoniseli kwesa kumzi onqatyisiweyo.
10 Bazimisela izimiso zamatye nooAshera ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;
11 baqhumisela khona ezigangeni zonke, njengeentlanga awazifudusayo uYehova ebusweni babo. Benza izinto ezimbi zokumqumbisa uYehova;
12 bakhonza izigodo ezizizithixo, wathi uYehova kubo, Ize ningazenzi ezo nto.
13 Waqononondisa uYehova kwaSirayeli nakwaYuda, ngabaprofeti bonke, iimboni ngeemboni, esithi, Buyani ezindleleni zenu ezimbi, nigcine imithetho yam, imimiselo yam, ngokomyalelo wonke endawumisela ooyihlo, endawuthumela kuni ngesandla sabakhonzi bam abaprofeti.
14 Abeva, bazenza lukhuni iintamo zabo, njengeentamo zooyise abangakholwanga nguYehova uThixo wabo.
15 Bayicekisa imimiselo yakhe, nomnqophiso wakhe awawenzayo nooyise babo, nezingqino zakhe awazingqinayo kubo; balandela izinto ezingento, baba ziinto ezingento, balandelana neentlanga ezibangqongileyo, awayebawisele umthetho uYehova ngazo, ukuba bangenzi njengazo.
16 Bayishiya yonke imithetho kaYehova uThixo wabo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo, amathole amabini, benza uAshera, baqubuda kumkhosi wonke wezulu, bakhonza uBhahali.
17 Bacandisa oonyana babo neentombi zabo emlilweni, bavumisa, bahlaba izihlabo, bazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba bamqumbise.
18 UYehova waba nomsindo omkhulu kunene kumaSirayeli, wawasusa ebusweni bakhe, yaba sisizwe sakwaYuda sodwa esasalayo.
19 KwanamaYuda akayigcinanga imithetho kaYehova uThixo wawo; ahamba ngemimiselo yamaSirayeli abeyenzile.
20 Wayilahla ke uYehova yonke imbewu yakwaSirayeli, wabacinezela, wabanikela esandleni sabaphangi, wada wabagxotha ebusweni bakhe.
21 Ngokuba wawakrazula amaSirayeli endlwini kaDavide; aza amenza ukumkani uYarobheham unyana kaNebhati. UYarobheham wawawexula amaSirayeli ekumlandeleni uYehova, wawonisa ngesono esikhulu.
22 Bahamba oonyana bakaSirayeli ezonweni zonke zikaYarobheham awazenzayo abatyeka kuzo,
23 wada uYehova wawasusa amaSirayeli ebusweni bakhe, njengoko wakuthethayo ngabakhonzi bakhe bonke, abaprofeti. Afuduswa ke amaSirayeli emhlabeni wawo, asiwa eAsiriya, unanamhla.
24 Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wazisa abantu, bevela eBhabheli, naseKuta, naseAva, naseHamati, naseSefarvayim, wababeka emizini yakwaSamari, esikhundleni soonyana bakaSirayeli. Balihlutha elakwaSamari, bahlala emizini yalo.
25 Kwathi ekuqaleni kokuma kwabo khona, abamoyika uYehova; uYehova wathuma iingonyama phakathi kwabo; zaya zibulala phakathi kwabo.
26 Bathetha ke kukumkani waseAsiriya, bathi, lintlanga ozifudusileyo, wazibeka emizini yelakwaSamari, azilazi isiko loThixo weli lizwe; uzithumele ke iingonyama; yabona, ziyazibulala, ngokokuba zingalazi isiko loThixo weli lizwe.
27 Wawisa umthetho ukumkani waseAsiriya wathi, Yisani apho omnye wababingeleli enabafudusa khona, aye ahlale khona, abafundise isiko loThixo weli lizwe.
28 Waya ke omnye wababingeleli, ababefudusiwe kwelakwaSamari, wahlala eBheteli, wamana ebafundisa ukuba mabathini na ukumoyika uYehova.
29 Lwaye uhlanga ngohlanga lusenza oothixo balo, lubamisa ezindlwini zeziganga awazenzayo amaSamari, uhlanga ngohlanga emizini yalo, apho beluhlala khona.
30 Amadoda aseBhabheli enza uSukoti-bhenoti; amadoda aseKuti enza uNeregale; amadoda aseHamati enza uAshima;
31 awaseAya enza uNibhehas noTartake; awaseSefarvayim atshisa oonyana bawo ngomlilo kuAdrameleki noAnameleki, oothixo baseSefarvayim.
32 Ebemoyika noYehova; azenzela eluntwini lonke ababingeleli beziganga, ababenzela amadini ezindlwini zeziganga.
33 UYehova ayemoyika, oothixo bawo ebakhonza ngokwesiko leentlanga ababefuduswe kuzo.
34 Unanamhla enza ngokwamasiko amhlamnene; akamoyiki uYehova, engenzi ngeyawo imimiselo nangelawo isiko, nangokomyalelo nomthetho, awabawiselayo uYehova oonyana bakaYakobi, awamnika igama elinguSirayeli.
35 Wenza umnqophiso nabo uYehova, wabawisela umthetho, wathi, Ize ningoyiki thixo bambi, ningabanquli, ningabakhonzi, ningabingeleli kubo;
36 nguYehova yedwa owaninyusayo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu nangengalo eyolukileyo; nguye eniya koyika yena, nimnqule, nibingelele kuye;
37 imimiselo, namasiko, nomyalelo, nomthetho awanibhalelayo, nigcine ukwenza yona yonke imihla, ningoyiki thixo bambi;
38 umnqophiso endawenza nani, ningawulibali wona, ningoyiki thixo bambi.
39 NguYehova uThixo wenu yedwa eniya koyika yena; wonihlangula esandleni seentshaba zenu yena.
40 Abaphulaphulanga; benza ngokwesiko labo lamhlamnene.
41 Zaye zisithi ke ezo ntlanga zoyike uYehova, zikhonze nemifanekiso yazo eqingqiweyo kananjalo abantwana bazo, nabantwana babantwana bazo, njengoko benza ngako ooyise, benza ngako nabo unanamhla.