2 YooKumkani

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25


Isahluko 20

Ngaloo mihla wayesifa uHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti uIsaya, unyana ka-Amotse, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela; ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila.
2 Wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, esithi,
3 Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambe phambi kwakho ngokunyanisa nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Wasitsho uHezekiya isililo esikhulu.
4 Kwathi, uIsaya engekaphumi kophakathi umzi, lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,
5 Buya uye kuthi kuHezekiya, inganga yabantu bam, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho; uyabona, ndiya kukuphilisa; ngomhla wesithathu uya kunyuka uye endlwini kaYehova;
6 ndongeze kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka; ndikuhlangule wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.
7 Wathi uIsaya, Thabathani isicumba samakhiwane; basithabatha ke, babeka ethumbeni, waphila.
8 Wathi uHezekiya kuIsaya, Uyintoni na umqondiso wokuba uYehova uya kundiphilisa, ndinyuke ndiye endlwini kaYehova ngomhla wesithathu?
9 Wathi uIsaya, Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, wokuba uya kulenza uYehova ilizwi alithethileyo: Isithunzi sihambe na izinyuko ezilishumi, sibuye na izinyuko ezilishumi?
10 Wathi uHezekiya, Kulula kwisithunzi ukoluka izinyuko ezilishumi; hayi, isithunzi masibuye umva izinyuko ezilishumi.
11 UIsaya umprofeti wamnqula uYehova, wasibuyisa umva isithunzi izinyuko zalishumi, esasihle zona esinyukweni sika-Ahazi.
12 Ngelo xesha uBherodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; ngokuba ubevile ukuba uHezekiya ubesifa.
13 Wabeva uHezekiya, wababonisa yonke indlu yakhe yengqwebo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yeentonga zakhe, nento yonke eyayikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe, nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.
14 Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? Abevela ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Abevela ezweni elikude eBhabheli.
15 Wathi, Abone ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam.
16 Wathi uIsaya kuHezekiya, Live ilizwi likaYehova.
17 Uyabona, kuza imihla eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebayo ooyihlo kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto, utsho uYehova;
18 bathabathe nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.
19 Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova olithethileyo. Wathi, Akunjalo na ukuba kuya kubakho ukuxola nokunyanisa ngeyam imihla?
20 Ezinye izinto zikaHezekiya, nobugorha bakhe bonke, nokwenza kwakhe ichibi nomjelo, nokuwangenisa kwakhe amanzi kuwo umzi, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
21 Walala uHezekiya kooyise; uManase, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.