ImiZekeliso

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31


Isahluko 2

Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam, Wayiqwebela kuwe imithetho yam,
2 Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho, Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho;
3 Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, Walisa ekuqondeni ilizwi lakho;
4 Ukuba uthe wabufuna njengesilivere, Wabumba njengobutyebi obuselelweyo:
5 Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, Ukufumane ukumazi uThixo,
6 Ngokuba uYehova upha ubulumko; Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.
7 Ubaqwebela uzimaso abathe tye, Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo,
8 Ukuze alondoloze umendo wesiko, Agcine nendlela yabakhe benceba.
9 Uya kwandula uqonde ubulungisa, Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo;
10 Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, Ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho.
11 Ukunkqangiyela kokugcina, Ukuqonda kokulondoloza;
12 Ukuba kukuhlangule endleleni embi, Kubantu abathetha impenduka;
13 Kwabashiya umendo wokuthe tye, Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama;
14 Kwabavuyela ukwenza ububi, Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi;
15 Abamendo ujibilizayo, Abathi gu bucala ngemikhondo yabo;
16 Ukuze uhlangulwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo;
17 Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe, Awulibale umnqophiso woThixo wakhe.
18 Kuba utshona ekufeni nendlu yakhe, Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo;
19 Bonke abangenayo kuye ababuyi, Abafiki kumendo wobomi:
20 Ukuze uhambe ngendlela yabalungileyo, Ugcine umendo wamalungisa.
21 Ngokuba abathe tye baya kulima ilizwe, Basale kulo abagqibeleleyo,
22 Banqunyulwe ezweni abangendawo, Abanginizayo bancothulwe kulo.