ImiZekeliso

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31


Isahluko 5

Nyana wam, bubazele indlebe ubulumko bam, Ingqondo yam uyithobele indlebe yakho;
2 Ukuze ugcine iminkqangiyelo, Ulondoloze ukwazi umlomo wakho.
3 Ngokuba ivuza incindi yobusi imilebe yomlomo womkamntu, Libuthelezi ngaphezu kweoli ikhuhlangubo lakhe;
4 Ke ukuphela kwakhe kukrakra njengomhlonyane, Kubukhali njengekrele elintlangothi mbini.
5 Iinyawo zakhe zihla ziye ekufeni, Amabanga akhe abambelele kwelabafileyo.
6 Akangeze wahamba ngomendo wobomi; Imikhondo yakhe iyajikajika, engazi.
7 Ke ngoku, bonyana, ndiveni, Ningemki entethweni yomlomo wam.
8 Mayibe kude kuye indlela yakho, Ungasondeli emnyango wendlu yakhe;
9 Hleze uyinike abanye intlahla yakho, Uyinike isijorha iminyaka yakho;
10 Hleze kuhluthe abasemzini ngamandla akho, Kungene endlwini yowolunye uhlanga ukubulaleka kwakho;
11 Ugcume ekupheleni kwakho, Ekudlekeni kwenyama yakho nezihlunu zakho;
12 Uthi, Bendiluthiyeleni na uqeqesho, Yasigiba isohlwayo intliziyo yam?
13 Andaliphulaphula izwi labayali bam; Andayithobela indlebe yam kubafundisi bam!
14 Ndaphantsa ukuba sebubini bonke Esazulwini sesikhungu nebandla.
15 Sela amanzi kwelakho iqula, Nemiqukuqela yamanzi ephuma emthonjeni wakho.
16 Mayiphalale phandle imithombo yakho, Ibe yimijelo yamanzi ezitratweni.
17 Mayibe yeyakho, yeyakho wedwa, Ingabi yeyabangengabo abakowenu kunye nawe.
18 Malisikelelwe ithende lakho, Uvuye ngumfazi wobutsha bakho;
19 Makabe yimazi yexhama elithandekayo, neyegogo elihle; Amabele akhe akukholise ngamaxesha onke, Uyotywe luthando lwakhe kuphele.
20 Yini na, nyana wam, ukuba uyotywe ngumkamntu, Uwole isifuba sowolunye uhlanga?
21 Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova, Ayilungelelanise imikhondo yakhe.
22 Ubugwenxa bakhe bumthi hlasi ongendawo, Abanjwe ziimbophelelo zesono sakhe.
23 Yena ufa kukuswela uqeqesho, Ayobe ebuninzini bokumatha kwakhe.