UHezekile

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48


Isahluko 16

Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2 Nyana womntu, yazise iYerusalem amasikizi ayo, uthi,
3 Itsho iNkosi uYehova kwiYerusalem, ukuthi, Ukuvela kwakho nokuzalwa kwakho kokwasezweni lamaKanan; uyihlo waye engumAmori, unyoko waye engumHetikazi.
4 Ukuzalwa kwakho ke, ngemini yokuzalwa kwakho ayinqunyulwanga imfesane yakho, akuhlanjwanga ngamanzi ukuba usuleke, akuhlikihlwanga ngatyuwa, akusongelwanga zisongelweni.
5 Akubangakho liso linenceba kuwe, ukuze wenzelwe noko inye kwezo zinto, ngokuba nofefe kuwe; walahlelwa endle ngokucatshukelwa kwakho ngemini yokuzalwa kwakho.
6 Ndagqitha kuwe, ndakubona ugqushagqusha egazini lakhe, ndathi kuwe, Usegazini lakho njalo, phila; usegazini lakho njalo, phila!
7 Ndakwenza waba yinyambalala, njengokuntshula kwentsimi; wanda, wakhula, wafika entlahleni yezidlele; waphuma amabele, bahluma uboya bakho; waye ke wena uze kanye.
8 Ke kaloku ndagqitha kuwe, ndakubona, nalo ixesha lakho lilixesha lothando. Ndatwabulula isondo lengubo yam phezu kwakho, ndabugubungela ubuze bakho; ndakufungela, ndanqophisana nawe, itsho iNkosi uYehova; waba ngowam ke.
9 Ke ndakuhlamba ngamanzi, ndakuhlambulula amagazi akho, ndakuthambisa ngeoli.
10 Ndakwambesa ngeengubo ezimfakamfele, ndakunxiba izixathula zesikhumba sehlengezi; ndakujikelisa intloko ngelinen ecikizekileyo, ndakugqubuthela ngesilika.
11 Ndakuvathisa ngesivatho, ndakufaka izacholo ezihlahleni, nemixokelelwane emqaleni wakho.
12 Ndakunika ikhonkco lempumlo, namajikazi ezindlebeni zakho, nesithsaba sokuhomba entloko.
13 Wavatha ke igolide nesilivere, nezambatho zakho zaba zezelinen ecikizekileyo, nezesilika, nezimfakamfele. Wadla umgubo ocoliweyo, nobusi, neoli; waba mhle kakhulu kunene, waya uphumelela ebukumkanini.
14 Lwaphuma udumo lobuhle bakho lwagqiba ilizwe lonke; ngokuba bapheleliseka bona ngobungangamela bam, endabubeka phezu kwakho; itsho iNkosi uYehova.
15 Wesuka wena wakholosa ngobuhle bakho, wahenyuza ngenxa yodumo lwakho; ubuhenyu bakho wabuthululela phezu kwabo bonke abadlulayo, waba ngowabo.
16 Wathabatha ezingutyeni zakho; iziganga wazenzela iintente ezirhwexu, wahenyuza phezu kwazo; into ebe ingafanele kuza, ebe ingafanele kubakho.
17 Wathabatha iimpahla zakho zokuhomba zegolide yam, nezesilivere yam endakunikayo, wazenzela imifanekiso engamadoda, wahenyuza nayo.
18 Wathabatha iingubo zakho ezimfakamfele, wayigubungela ngazo; neoli yam nesiqhumiso sam wasibeka phambi kwayo.
19 Isonka sam endakunikayo, nomgubo ocoliweyo, neoli, nobusi, izinto endakudlisayo zona, wazibeka phambi kwayo, ukuba zibe livumba elithozamisayo. Kwaba njalo; itsho iNkosi uYehova.
20 Wathabatha oonyana bakho neentombi zakho, owazizalela mna, wabingelela ngazo kuyo ukuba idle. Bebubuncinane na ke ubuhenyu bakho,
21 ukuba nje ubasike oonyana bam, ubanikele ngokubacandisa bona emlilweni ngenxa yayo?
22 Emasikizini akho onke, nasebuhenywini bakho, akuyikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, oko ubuze kanye, ugqushagqusha egazini lakho.
23 Kwaza kwathi, emva kwezo nto zakho zonke ezimbi (yeha! yeha ke wena! itsho iNkosi uYehova),
24 wazakhela amanqugwala, wazenzela iindawo eziphakamileyo ezitratweni zonke.
25 Emantloko eendlela zonke wazakhela iindawo zakho eziphakamileyo, wabenza ubuhle bakho balisikizi, wayithi qheke imilenze yakho kubo bonke abadlula ngendlela, wabandisa ubuhenyu bakho.
26 Wahenyuza noonyana bamaYiputa, abamelwane bakho abakhulu ngenyama; wabandisa ke ubuhenyu bakho ukuze undiqumbise.
27 Yabona, ndasolula phezu kwakho isandla sam, ndawunciphisa umamkeliso owumiselweyo, ndakunikela elitheni labakuthiyayo, kweleentombi zamaFilisti, ezibe ziyidanele indlela yakho yamanyala.
28 Wahenyuza noonyana baseAsiriya, ngenxa yokuba unganelanga; wahenyuza ke nabo, akwanela noko.
29 Wabandisela ezweni lamaKanan ubuhenyu bakho kwelamaKaledi, akwanela nayiloo nto.
30 Hayi, ukuthamba kwentliziyo yakho! itsho iNkosi uYehova; ukuba wenze zonke ezo zinto, imisebenzi yenkazana ehenyuzayo, esileyo.
31 Ekwakheni kwakho amanqugwala emantloko eendlela zonke, nasekwenzeni kwakho iindawo zakho eziphakamileyo ezitratweni zonke, akubanga njengehenyukazi eli, ngokusuka uwucukuceze umvuzo wobuhenyu.
32 Umfazi okrexezayo wamkela abasemzini, noko angumkamntu.
33 Onke amahenyukazi bawanika izipho; ke wena wazinika zonke izithandane zakho izipho zakho, wazicenga ukuze zize kuwe ngeenxa zonke ekuhenyuzeni kwakho.
34 Wena okwakho ukuhenyuza kuthe kwaphambana nokwamankazana, ngokuthi ingabi nguwe olandelwayo ekuhenyuzeni; ngokuthi urhole wena umvuzo wobuhenyu, ungarholelwa umvuzo wobuhenyu; waba ngophambileyo ke.
35 Ngako oko, henyukazi, live ilizwi likaYehova.
36 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba iphalele imali yakho, batyhileka ubuze bakho ngokuhenyuza kwakho nezithandane zakho, nangenxa yezigodo zonke zamasikizi akho, nangenxa yamagazi oonyana bakho, owabanikelayo kuzo:
37 ngako oko, yabona, ndiya kuzithabatha zonke izithandane zakho owakholisana nazo, nabo bonke owabathandayo, ndawonye nabo bonke owabathiyayo, ndibahlanganise, ndikuchase ngeenxa zonke, ndibutyhile ubuze bakho kubo, babubone ubuze bakho bonke.
38 Ndokugweba ngokugwetywa kwabakrexezikazi nabaphalazi begazi, ndikwenze wena ube ligazi lobushushu nobukhwele.
39 Ndokunikela esandleni sabo, bawagungxule amanqugwala akho, bazidilize iindawo zakho eziphakamileyo, bakuhlube iingubo zakho bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba, bakushiye uze kanye.
40 Baya kukunyusela ibandla, bakuxulube ngamatye, bakuxabele ngamakrele abo;
41 bazitshise izindlu zakho ngomlilo, bazenze kuwe izigwebo emehlweni abafazi abaninzi, ndikunqumamise ungabi saba lihenyu, ungabi, sarhola umvuzo wobuhenyu.
42 Ndobupholisela kuwe ubushushu bam, limke ikhwele lam kuwe, ndizole, ndingabi saqumba.
43 Ngenxa enokuba ungayikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, wesuka wangqungisana nam kwezi zinto zonke: yabona, nam ndikunika ngokwendlela yakho entlokweni yakho, itsho iNkosi uYehova, ukuze ungenzi manyala angaphezu kwamasikizi akho onke.
44 Yabona, bonke abazekelisi baya kuzekelisa ngawe, besithi, Ifuze unina intombi yakhe.
45 Wena uyintombi yonyoko, odimeleyo yindoda yakhe nabantwana bakhe; wena ungudade woodade benu, abadimeleyo ngamadoda abo nabantwana babo; unyoko ngumHetikazi, uyihlo ngumAmori.
46 Udade wenu omkhulu nguSamari namagxamesi akhe, ehleli ngasekhohlo kwakho; nomsakwenu omncinane kuwe, ehleli ngasekunene kwakho, yiSodom namagxamesi ayo.
47 Akuhambanga ke ngeendlela zabo, wenze ngokwamasikizi abo; ukanti ngomzuzwana wonakalise ngaphezu kwabo ngeendlela zakho zonke.
48 Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, iSodom umsakwenu, yona namagxamesi ayo, ayenzanga njengoko wenze ngako wena namagxamesi akho.
49 Nabu ke ubugwenxa beSodom umsakwenu; yabe ilikratshi, nokuhlutha sisonka, nokuchulumacha, yona namagxamesi ayo; ayabamba ngesandla abaziintsizana nabangamahlwempu.
50 Babezidla, besenza amasikizi phambi kwam; ndabasusa, ndakukubona oko.
51 NoSamari akonanga ngokwesiqingatha sezono zakho; waye wena uwandisile amasikizi akho ngaphezu kwakhe, wabenza amalungisa odade benu, ngamasikizi akho owenzileyo.
52 Nawe, thwala ke ihlazo lakho, olibalele kodade benu. Ngezono zakho owazenza ngokumasikizi kunabo, ubenze baba ngamalungisa kunawe; dana ke nawe, ulithwale ihlazo lakho; ekubeni ubenze amalungisa oodade benu.
53 Ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, ukuthinjwa kweSodom namagxamesi ayo, nokuthinjwa koSamari namagxamesi akhe, ndokubuyisa ukuthinjwa okukuthinjwa kwakho phakathi kwabo;
54 ukuze ulithwale ihlazo lakho, uzidanele izinto zonke ozenzileyo, ubathuthuzele.
55 Baya kuthi abasakwenu, iSodom namagxamesi ayo, babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, noSamari namagxamesi akhe babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, nawe namagxamesi akho nibuyele kwakwisimo senu sangaphambili.
56 ISodom umsakwenu ayibanga sifundo emlonyeni wakho ngemini yamakratshi akho;
57 zingekatyhilwa izinto zakho ezimbi, njengasexesheni lesingcikivo samagxamesi akwa-Aram nesangeenxa zonke kuye, samagxamesi amaFilisti, awakucukulayo ngeenxa zonke.
58 Amanyala akho namasikizi akho uwathwele; utsho uYehova.
59 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndenza ke kuwe njengoko wenze ngako wena, osidelileyo isifungo, ukuba uwaphule umnqophiso.
60 Ndiya kuwukhumbula mna umnqophiso wam nawe ngemihla yobuncinane bakho, ndikumisele umnqophiso ongunaphakade.
61 Wozikhumbula iindlela zakho, udane ekubamkeleni kwakho oodade benu, abakhulu kunawe kunye nabancinane kunawe; ndikunike babe ziintombi kuwe, noko bengengabomnqophiso wakho.
62 Ndowumisa mna umnqophiso wam nawe, wazi ukuba ndinguYehova;
63 ukuze ukhumbule, udane, ungabi saba nakuvula mlomo ngenxa yehlazo lakho, ekukuxoleleni kwam zonke izinto ozenzileyo; itsho iNkosi uYehova.