UHezekile

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48


Isahluko 9

Wabiza ngelizwi elikhulu ezindlebeni zam, esithi, Sondelani, baveleli bomzi, elowo ephethe ngesandla izixhobo zakhe zokutshabalalisa.
2 Nanko ke, kusiza amadoda amathandathu ngendlela yesango eliphezulu, elikhangele entla, iyileyo iphethe ngesandla izixhobo zayo zokuhlekeza; kukho indoda phakathi kwawo eyambethe ilinen emhlophe, inezinto zokubhala ethangeni layo; eza ke ema ecaleni kwesibingelelo sobhedu.
3 Ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baye bunyuka, busuka ekerubhini obebuphezu kwayo, baya emnyango wendlu. Wamemeza endodeni eyambethe ilinen emhlophe, enezinto zokubhala ethangeni layo.
4 Wathi uYehova kuyo, Canda esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini amadoda agcunayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo esazulwini sayo.
5 Wathi kwamanye ezindlebeni zam, Candani esazulwini somzi emva kwayo, nixabele; malingabi nanceba iliso lenu, ningabacongi.
6 Amaxhego, amadodana nomthinjana, abantwana nabafazi, babulaleni, ukuze batshabalale; ke bonke abantu abanophawu olo, musani ukufika kubo; nize niqalele ke engcweleni yam. Aqala ke ngamadoda amakhulu abephambi kwendlu.
7 Wathi ke kuwo, Yenzeni inqambi indlu le, nizizalise iintendelezo ngababuleweyo; phumani niye. Aphuma ke abulala kuwo umzi.
8 Kwathi, xa ababulalayo, ndisele mna, ndawa ngobuso, ndakhala, ndathi, Awu! Nkosi Yehova, uya kuwatshabalalisa onke na amasalela amaSirayeli ngokubuthulula ubushushu bakho phezu kweYerusalem?
9 Wathi kum, Ubugwenxa bendlu kaSirayeli nobendlu kaYuda bukhulu kakhulu kunene, nelizwe lizele ligazi, nomzi uzele bubugqwetha; ngokuba besithi, UYehova ulilahlile ilizwe, uYehova akaboni.
10 Ke nam aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo.
11 Nantso indoda eyayambethe ilinen emhlophe, ebinezinto zokubhala ethangeni layo, ibuya nelizwi elithi, Ndenze njengoko ubundiwisele umthetho ngako.