UZekariya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14


Isahluko 10

Celani imvula kuYehova ngexesha lemvula evuthisayo. UYehova wenza imibane, abanike imvula eziziphango, elowo amnike umfuno wasendle.
2 Ngokuba imilonde-khaya ithethe into ebubutshinga, nabavumisi babone ubuxoki, balawula amaphupha enkohlakalo, bathuthuzela kwangamampunge; ngenxa yoko bakhokile njengomhlambi, bacinezeleka, kuba kungekho malusi.
3 Umsindo wam uvuthela abalusi; ndozivelela ngawo iinkunzi ezikhokelayo; kuba uYehova wemikhosi uyawuvelela umhlambi wakhe, indlu kaYuda, abenze babe njengogcadalala lwakhe lwehashe emfazweni.
4 Kuya kuphuma kuye ilitye lembombo; kuya kuphuma kuye ibhaxa; kuya kuvela kuye isaphetha sokulwa; kuya kuvela kuye bonke abakhandanisi ngakunye.
5 Baya kuba njengamagorha, enyathelela iintshaba zawo eludakeni lwezitrato, kusiliwa; balwe, ngokuba uYehova enabo; badane abakhweli bamahashe.
6 Ndiya kuyomeleza indlu kaYuda, ndiyisindise indlu kaYosefu, ndibahlalise; kuba ndisikwa yimfesane ngenxa yabo; boba ngangabo ndingabahlambanga, ngokuba ndinguYehova uThixo wabo ndobaphendula.
7 Woba njengegorha uEfrayim, ivuye intliziyo yabo ngokwasewayinini; oonyana babo babone, bavuye; iya kugcoba intliziyo yabo kuYehova.
8 Ndiya kubenzela ikhwelo, ndibabuthe; ngokuba ndibakhulule ngokubahlawulela; baya kwanda, njengoko babesanda ngako.
9 Ndobahlwayela ezizweni, bandikhumbule emazweni akude, baphile noonyana babo, babuye.
10 Ndobabuyisa ezweni laseYiputa, ndibabuthe eAsiriya, ndibazise ezweni laseGiliyadi nelaseLebhanon, kungafumaneki ndawo ibalingeneyo.
11 UYehova uya kucanda kulwandle lwembandezelo, abethe emazeni olwandle, zitshe zonke iziziba zoMnayile; lithotywe iqhayiya laseAsiriya, imke intonga yaseYiputa.
12 Ndobomeleza ngoYehova, bahambahambe egameni lakhe; utsho uYehova.