UZekariya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14


Isahluko 12

Isihlabo selizwe likaYehova, esisingisele kuSirayeli. Utsho uYehova, umaneki wezulu, umseki wehlabathi, umenzi womoya womntu phakathi kwakhe, ukuthi,
2 Yabona, iYerusalem ndiyenza ibe yindebe enombilini, yokuhexisa zonke izizwe ngeenxa zonke, imfikele noYuda ekungqingweni kweYerusalem.
3 Kothi ngaloo mini, ndiyenze iYerusalem ibe lilitye elingumthwalo ezizweni zonke; bonke abalifunqulayo baya kuzisikisa, bazilimazise, ziyihlanganyele zonke iintlanga zehlabathi.
4 Ngaloo mini, utsho uYehova, ndiya kuwabetha othuke amahashe onke, ndibabethe babe nomgada abakhweli bawo, ndiwavule amehlo am phezu kwendlu kaYuda, onke amahashe ezizwe ndiwabethe abe ziimfama.
5 Zothi iinkosana zakwaYuda ezintliziyweni zazo, Bangamandla am abemi baseYerusalem, ngoYehova wemikhosi, uThixo wabo.
6 Ngaloo mini ndiya kuzenza iinkosana zakwaYuda zibe njengokhamba lomlilo ezinkunini, nanjengezikhuni ezitshangaziswayo ezithungwini, zizitshise ngasekunene nangasekhohlo izizwe zonke ngeenxa zonke; iYerusalem ibuye imiwe esikhundleni sayo eYerusalem.
7 UYehova uya kusindisa iintente zakwaYuda kuqala, ukuze isihombo sendlu kaDavide, nesihombo sabemi baseYerusalem, singazikhulisi ngaphezu koYuda.
8 Ngaloo mini uYehova uya kubakhusela ubemi baseYerusalem; athi okhubekayo phakathi kwabo abe njengoDavide ngaloo mini; indlu kaDavide ibe njengoThixo, njengesithunywa sikaYehova phambi kwabo.
9 Kothi ngaloo mini, ndifune ukuzitshabalalisa zonke iintlanga eziyingenelayo iYerusalem.
10 Ndothululela phezu kwendlu kaDavide, naphezu kwabemi baseYerusalem, uMoya wokubabala nowokutarhuzisa, babheke kum mna bamhlabileyo amahlanza; bammbambazelele njengokumbambazelelwa kozelwe wamnye, babe krakra ngenxa yakhe, njengokrakra ngenxa yamazibulo akhe.
11 Ngaloo mini siya kuba sikhulu isililo eYerusalem, sibe njengesililo saseHadade-rimon esihlanjeni seMegido.
12 Liya kulila ilizwe, imizalwane ngemizalwane iyodwa; umzalwane wendlu kaDavide uwodwa, abafazi babo bebodwa; umzalwane wendlu kaNatan uwodwa, abafazi babo bebodwa;
13 umzalwane wendlu kaLevi uwodwa, abafazi babo bebodwa; umzalwane wamaShimehi uwodwa, abafazi bawo bebodwa;
14 yonke imizalwane eseleyo, imizalwane ngemizalwane iyodwa, nabafazi babo bebodwa.