IZenzo

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28


Isahluko 1

Eyokuqala imbali, Tiyofilo, ndayenza kambe ndibalisa ngezinto zonke awaqala ngazo uYesu ukuzenza kwanokuzifundisa,
2 kwada kwayimini awanyuswa ngayo, akuba ebawisele umthetho ngoMoya oyiNgcwele abapostile awayebanyule;
3 awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephilile phambi kwabo, ngeziganeko ezininzi, ezibonakalalisa ngokwakhe kubo kwiintsuku ezimashumi mane, ethetha izinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.
4 Uthe, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangahlukani neYerusalem; mabalinde idinga loYise, awathi ukuthetha, Naliva kum;
5 ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.
6 Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?
7 Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo.
8 Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.
9 Waza etshilo, bakubon’ ukuba bakhangele, wafukulwa; lathi ilifu lemka naye emehlweni abo.
10 Bakuba beqwalasele ezulwini, akubon’ ukuba uyemka, kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini eneengubo ezimhlophe,
11 awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.
12 Baza babuyela eYerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, ekufuphi kwiYerusalem, uhambo lwesabatha.
13 Bathe ke bakungena, banyukela egumbini eliphezulu ababehlala kulo, inguPetros, noYakobi, noYohane, noAndreya, uFilipu, noTomas, uBhartolomeyu, noMateyu, noYakobi ka-Alifeyu, noSimon umZeloti, noYuda umzalwana kaYakobi.
14 Aba bonke babezingisa ngamxhelo mnye ekuthandazeni nasekukhungeni, ndawonye nabafazi, noMariya unina kaYesu, kwandawonye naba zalwana bakhe.
15 Ngaloo mihla wesuka wema uPetros phakathi kwabo abazalwana (laye inani lamagama ndawonye lingathi lilikhulu elinamanci amabini), wathi,
16 Madoda, bazalwana, esi sibhalo simelwe kukuba sizaliseke, sathethwayo ngaphambili nguMoya oyiNgcwele ngomlomo kaDavide ngaye uYuda, owaba ngumkhokeli kwabo bambambayo uYesu;
17 ngokuba wayebalelwe kuthi, wasizuza isabelo solu lungiselelo.
18 Lowo ke ngoko wazuza umhlaba ngomvuzo wokungalungisi; wathi ekhahleleke phantsi ngobuso, wagqabhuka phakathi, zaphalala zonke izibilini zakhe.
19 Kwazeka oko kubo bonke abemiyo eYerusalem, wada loo mhlaba ngeyabo intetho kwathiwa yiAkeldama, oko kukuthi, ngumhlaba wegazi.
20 Kuba kubhaliwe encwadini yeeNdumiso kwathiwa, Umzi wakhe mawube yintlango, Kungabikho umiyo kuwo; Buthi nobuveleli bakhe buthatyathwe ngomnye.
21 Ngoko, kuwo amadoda abehamba nathi, ngalo lonke ixesha ebingena iphuma phakathi kwethu iNkosi uYesu,
22 iqalele elubhaptizweni lukaYohane, yada yayimini eyanyuswa ngayo kuthi, kumele ukuba kubekho enye kuwo eba lingqina lokuvuka kwayo, kunye nathi.
23 Bamisa mabini, uYosefu, okuthiwa nguBharsabhas, ogama limbi linguYusto, noMatiya.
24 Bathandaza bathi, Wena, Nkosi, Mazi weentliziyo zabo bonke, yalatha kwaba babini oyena umnyulileyo,
25 ukuba asithabathe isabelo solu lungiselelo nobupostile, awaphambukayo kubo uYuda, ukuze aye kweyakhe indawo.
26 Bawisa amaqashiso abo; lathi iqashiso laphuma noMatiya; wabalelwa ndawonye nabapostile abalishumi elinamnye.