IZenzo

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28


Isahluko 10

Ke kaloku, kwaye kukho eKesareya ndoda ithile, igama linguKorneli, umthetheli-khulu wasebuthweni lamasoldati ekuthiwa lelaseItali, emhlonelayo,
2 emoyikayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yayo; ibaliza abantu kunene; kanjalo yayimana ikhunga kuThixo.
3 Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lenini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Hina, Korneli!
4 Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo emehlweni kaThixo.
5 Susa kwangoku amadoda, aye eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros;
6 yena ulundwendwe lukaSimon, umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo uya kukuxelela into omelwe kukuyenza.
7 Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye;
8 waza, ebacacisele zonke iindawo, wabathuma eYopa.
9 Ke kaloku ngengomso, bakubon’ ukuba basendleleni bona, besondela kuwo umzi, wenyuka uPetros, waya phezu kwendlu, malunga nelixa lesithandathu, ukuba athandaze.
10 Wesuka ke walamba kakhulu, wanga angakhe afumane into edliwayo; kuthe ke, bakubon’ ukuba ke bayamlungisela, wawelwa lithongo:
11 wabona izulu livulekile, kusihla phezu kwakhe sitya sithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe kumasondo omane, sithotyelwa emhlabeni;
12 ekwaye kukho kuso zonke izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.
13 Kwabakho izwi lisithi kuye, Vuka, Petros, xhela udle.
14 Uthe ke uPetros, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, andizanga ndiyidle.
15 Laphinda izwi okwesibini lathi kuye, Izinto uThixo azihlambululeyo, musa ukuzenza inqambi wena.
16 Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini.
17 Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza indlu kaSimon, emi esangweni;
18 akhwaza, ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na.
19 Ke kaloku, akubon’ ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna;
20 suka uhle, uhambe nawo, ungathandabuzi nento, ngokokuba athunywe ndim.
21 Wehla ke uPetros, waya kuwo amadoda abethunyiwe kuye evela kuKorneli, wathi, Niyabona, ndingulowo nimfunayo; ngumcimbi mni na enize ngawo?
22 Athe ke wona, UKorneli umthetheli-khulu, indoda elilungisa, emoyikayo uThixo, kanjalo engqinelwe ukulunga lulo lonke uhlanga lwamaYuda, uhlatyelwe sisithunywa esingcwele ukuba akubize, uze endlwini yakhe, eve amazwi kuwe.
23 Wawabizela phakathi ngoko, aba lundwendwe lwakhe. Ke kaloku ngengomso, uPetros wemka nawo, nabazalwana abathile baseYopa bahamba naye.
24 Baza ngengomsomnye bangena eKesareya. Waye ke uKorneli ebalindile; wayebizele ndawonye imizalwane yakhe, nezihlobo zakhe ezibuhlungu.
25 Kwathi ke, xa angenayo uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye.
26 Uthe ke uPetros wamvusa, esithi, Phakama; nam ngokwam ndingumntu.
27 Wangena encokola naye, wabafumana bebuthelene bebaninzi.
28 Kananjalo wathi kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; mna ke uThixo undibonisile, ukuba ndingabizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo.
29 Kungoko ke ndizileyo ndingaphikanga ndakubizwa. Ndizile ke; ndiyabuza ngoko, ukuba nindibize ngandawoni na?
30 UKorneli wathi, Kuse kuntsuku ne ndizila ukudla, kwada kwaleli lixa lemini. Ngelixa lesithoba ke bendithandaza endlwini yam, kwesuka kwathi gqi indoda, yema phambi kwam, inengubo eqaqambileyo;
31 yathi, Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo;
32 thumela ngoko eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; lowo ulundwendwe endlwini kaSimon, umsuki wezikhumba, ngaselwandle; oya kuthi akufika athethe nawe.
33 Ndathumela ngoko kuwe kwaoko; nawe utyaphile ufike. Kaloku ngoko sikho thina sonke emehlweni kaThixo, ukuze sizive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo.
34 Ke kaloku uPetros wawuvula umlomo wakhe wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu;
35 kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.
36 Ilizwi elo walithumelayo koonyana bakaSirayeli, eshumayela iindaba ezilungileyo zoxolo ngoYesu Kristu (nguye iNkosi yabo bonke),
37 nina niyalazi ilizwi elenzekayo kulo lonke elakwaYuda, liqalela kwelaseGalili, emva kobhaptizo awaluvakalisayo uYohane:
38 okokuba uThixo wamthambisa ngoMoya oyiNgcwele nangamandla uYesu waseNazarete, owagqiba ilizwe esiza, ephilisa bonke abaxinzelelweyo nguye uMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye.
39 Thina singamangqina ezinto zonke awazenzayo ezweni lamaYuda, kwanaseYerusalem; abamsikayo ngokumxhoma emthini.
40 Yena lowo uThixo wamvusa ngomhla wesithathu, wenza ukuba abonakale,
41 kungekubo abantu bonke, kukumangqina abenyuliwe ngenxa engaphambili nguThixo: kuthi thina, sadlayo saselayo naye emveni kokuvuka kwakhe kwabafileyo.
42 Wasithethela ngelithi, masivakalise ebantwini, siqononondise ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo.
43 Bonke abaprofeti bayamngqinela yena lo, ukuba, ngegama lakhe, bamkeliswa uxolelo lwezono bonke abakholwayo kuye.
44 Uthe akubon’ ukuba usawathetha uPetros la mazwi, wasuka wabawela uMoya oyiNgcwele bonke ababeliva ilizwi.
45 Amangaliswa amakholwa olwaluko onke abeze noPetros; ngokuba isipho soMoya oyiNgcwele sathululwa naphezu kweentlanga;
46 kuba aziva zithetha ngalwimi zimbi, zimenza mkhulu uThixo. Wandula waphendula uPetros wathi,
47 Kukho unako yini na ukuthintela amanzi, ukuba bangabhaptizwa aba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele, kwanjengathi nje?
48 Wamisa ukuthi mababhaptizwe egameni leNkosi. Baza bamcela ukuba akhe ahlale iintsuku ezithile.