Resting in the Lord


  • Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.
    IEksodus 33:14
  • Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.
    1 KaSamuweli 9:27
  • Wathi ke kumaYuda, Masiyakhe le mizi, siyijikeleze ngeendonga neenqaba ezinde, senze iingcango nemivalo, lisephambi kwethu nje ilizwe; ngokuba simquqele uYehova uThixo wethu samquqela, wasiphumza ke ngeenxa zonke. Bayakha baba nempumelelo.
    2 YeziKronike 14:7
  • Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.)
    iNdumiso 4:4
  • Thembela kuYehova; Yomelela, ikhaliphe intliziyo yakho, Uthembele kuYehova.
    iNdumiso 27:14
  • Yithi cwaka kuYehova, ulindele kuye; Musa ukuzivuthisa ngomsindo ngonempumelelo ngendlela yakhe, Ngomntu ofeza amayelenqe.
    iNdumiso 37:7
  • Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ndathembela, ndithembele kuYehova, Wathoba, wakuva ukuzibika kwam.
    iNdumiso 40:1
  • Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna. Ndiya kuphakanyiswa ezintlangeni, ndiya kuphakanyiswa ehlabathini.
    iNdumiso 46:10
  • Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa; Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.
    iNdumiso 55:22
  • Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu; Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe. UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)
    iNdumiso 62:8
  • Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.
    Isaya 26:3
  • Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka anavuma.
    Isaya 30:15
  • Wothi umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade;
    Isaya 32:17
  • ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.
    Isaya 40:31
  • Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova;
    Yeremiya 17:7
  • Ngokuba ndiyazazi iingcinga endizicingayo ngani, utsho uYehova: iingcinga zoxolo, ezingezizo ezobubi; ukuba ndininike ikamva nethemba.
    Yeremiya 29:11
  • UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo.Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova
    Lamentations 3:25, 26
  • Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.
    UMateyu 11:28-30
  • Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.
    KwabaseFilipi 4:7
  • endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini
    2 KuTimoti 1:12
  • Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.
    1 KaPetros 5:7