The Word


  • ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.
    UYohane1:1, 14
  • 4 Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.
    UMateyu 4:4
  • Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe.-
    iNdumiso 119:11
  • Nina nisenihlambulukile, ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni. -
    UYohane15:3
  • Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. -
    iNdumiso 119:130
  • Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. v-
    2 KuTimoti 2:15
  • Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo. -
    KumaHebhere 4:12
  • Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi. -
    UYohane 6:63
  • Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula. -
    UMateyu 24:35
  • ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo; -
    1 KaPetros 2:2