Freedom from Fear


  • EkaDavide. NguYehova umkhanyiseli wam nomsindisi wam, ndiya koyika bani na? NguYehova inqaba yobomi bam, ndiya kunkwantya ngabani na?Ngokuba undigusha emnqubeni wakhe ngemini yobubi, Undisithelisa esitheni lentente yakhe, Undimisa eweni. -
    iNdumiso 27:1, 5
  • Ndamfuna uYehova, wandiphendula; Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo.-
    iNdumiso 34:4
  • Ke yena ondivayo uhleli ekholosile, Wonwabile ekunkwantyiseni kobubi. -
    miZekeliso 1:33
  • Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki. Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise. -
    Isaya35:4
  • musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.-
    Isaya 41:10
  • Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkele umoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngawo sithi, Abha, Bawo. -
    KwabaseRoma 8:15
  • Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima. -
    II Timothy 1:7
  • Kumongameli: eyoonyana bakaKora; ngeyeentombi. Ingoma. UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi, Ekudilikeleni kweentaba esazulwini solwandle.Makagqume alephuze amanzi alo, Iintaba zinyikime ngokukratsha kwalo. (Phakamisani.)-
    iNdumiso 46:1-3
  • Mhlana ndinxunguphalayo mna, Ndokholosa ngawe.Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe, Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Inokundenza ntoni na inyama? -
    iNdumiso 56:3, 4
  • Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini;Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu. -
    iNdumiso 91:5, 6
  • Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya; Wolala, bube mnandi ubuthongo bakho. -
    miZekeliso 3:24
  • Uze ungaboyiki, ngokuba ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova. -
    Yeremiya 1:8
  • There is no fear in love; but perfect love casteth out fear: because fearhath torment. He that feareth is not made perfect in love. -
    1 UYohane 4:18
  • Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni. -
    KumaHebhere13:5, 6
  • Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala. -
    UYohane 14:27
  • Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo;abakhulule ebukhobokeni bonke abo babethe ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi bazizisulu zokoyika ukufa.-
    KumaHebhere 2:14, 15