uxolo


  • Ke wena uya kuya kooyihlo unoxolo; ungcwatywe uyingwevu enkulu.
    IGenesis 15:15
  • UYehova uya kubanika abantu bakhe amandla; UYehova uya kubasikelela abantu bakhe ngoxolo.
    IiNdumiso 29:11
  • Suka ebubini, wenze okulungileyo; Funa uxolo, uluphuthume.
    IiNdumiso 34:14
  • Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, Baziyolise ngobuninzi boxolo.
    IiNdumiso 37:11
  • Gcina ogqibeleleyo, ukhangele othe tye; Ngokuba izivela-mva zezomntu woxolo.
    IiNdumiso 37:37
  • Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho; Akukho sikhubekiso kubo.
    IiNdumiso 119:165
  • Mna ndingowoxolo; Ke ndithi ndakuthetha, bona babe yimfazwe.
    IiNdumiso 120:7
  • Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda, Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo.
    ImiZekeliso 16:7
  • ukuthanda kunexesha lako, ukuthiya kunexesha lako; kukho ixesha lemfazwe, kukho nexesha loxolo.
    EcclesiastesImiZekeliso 3:8
  • Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo,
    UIsaya 9:6
  • Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.
    UIsaya 26:3
  • Wothi umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade;
    UIsaya 32:17
  • Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.
    UIsaya 54:13
  • Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundezwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla.
    UIsaya 55:12
  • Alukho uxolo kwabangendawo, utsho uThixo wam.
    UIsaya 57:21
  • Abayazi indlela yoxolo, okusesikweni akukho emikhondweni yabo; bazijikajikile iindlela zabo; bonke abanyathela kuzo abalwazi uxolo.
    UIsaya 59:8
  • Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.
    UYeremiya 6:14
  • Ngokuba ndiyazazi iingcinga endizicingayo ngani, utsho uYehova: iingcinga zoxolo, ezingezizo ezobubi; ukuba ndininike ikamva nethemba.
    UYeremiya 29:11
  • ukuthi, Yabona, ndiwubopha ngezinto ezibotshwayo, eziphilisayo, ndibaphilise, ndibatyhilele ukuphuphuma koxolo nenyaniso.
    UYeremiya 33:6
  • Kuyafika ukuxhalaba; bafuna uxolo, alukho.
    UHezekile 7:25
  • abaprofeti bakwaSirayeli ababeprofeta ngeYerusalem, ababebona umbono woxolo, kungekho luxolo; itsho iNkosi uYehova.
    UHezekile 13:16
  • Ngenxa yobuqhokolo bakhe, yoba nempumelelo inkohliso ngesandla sakhe, azenze mkhulu entliziyweni yakhe, abatshabalalise abaninzi ngokwalama, asukele phezulu kumthetheli wabathetheli, aphulwe, ke kungabi ngasandla.
    UDaniyeli 8:25
  • Uya kungena ngokwalama nasezindaweni ezityebileyo zelizwe, enze abangakwenzanga ooyise, nooyise booyise. Uya kukwenza amachithi phakathi kwabo okuphangiweyo, namaxhoba, neempahla zazo, acinge iingcinga zakhe ngeenqaba okwexeshana.
    UDaniyeli 11:24
  • Yabonani, zisezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo, abavakalisa usindiso. Yenza imithendeleko yakho, Yuda, zalisa izibhambathiso zakho; ngokuba akasayi kubuya acande kuwe olitshijolo; unqunyulwe kwaphela.
    UNahum 1:15
  • Umnqophiso wam ubunaye uLevi, ububomi noxolo; ndamnika ezo zinto ukuba oyike. Wandoyika ke, waqhiphuka umbilini ngenxa yegama lam.
    UMalaki 2:5
  • Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona.
    UMateyu 5:9
  • Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni.
    UMateyu 10:13
  • Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele.
    UMateyu 10:34
  • Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.
    UMarko 4:39
  • Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho.
    UMarko 5:34
  • Ityuwa ilungile yona; ke ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.
    UMarko 9:50
  • Ukuba ukhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzi nilokufa, Ukuba uzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo.
    ULuka 1:79
  • Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini.
    ULuka 2:14
  • Uthe ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo.
    ULuka 7:50
  • Nendlu enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu.
    ULuka 10:5
  • Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo.
    ULuka 14:32
  • besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni.
    ULuka 19:38
  • Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayazithetha ezo zinto, uYesu ngokwakhe wema phakathi kwabo, wathi kubo, Uxolo malube nani.
    ULuka 24:36
  • Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala.
    UYohane 14:27
  • Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.
    UYohane 16:33
  • ubhalela bonke abaseRoma, abaziintanda zikaThixo, abangcwele ababiziweyo, esithi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Kristu.
    KwabaseRoma 1:7
  • Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo; Nendlela yoxolo abayazanga. Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.
    KwabaseRoma 3:16-18
  • Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;
    KwabaseRoma 5:1
  • Kuba ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke koMoya bubomi noxolo.
    KwabaseRoma 8:6
  • Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli? Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!
    KwabaseRoma 10:15
  • Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.
    KwabaseRoma 12:18
  • Kuba ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa noxolo novuyo kuMoya oyiNgcwele.
    KwabaseRoma 14:17
  • Ngoko ke masisukele izinto zoxolo, nezinto zokwakhana.
    KwabaseRoma 14:19
  • Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele.
    KwabaseRoma 15:13
  • UThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.
    KwabaseRoma 15:33
  • uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
    1 KwabaseKorinte 1:3
  • Kodwa ke ukuba lowo ungakholiweyo uyahluka, makahluke; umzalwana nokuba ngudade akabotshelelwe, xa kunjalo; ke uThixo usibizele eluxolweni.
    1 KwabaseKorinte 7:15
  • kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.
    1 KwabaseKorinte 14:33
  • Elokugqiba, bazalwana, ndithi, Vuyani, zilungiseni nigqibelele, thuthuzelekani, cingani nto-nye, zolani; wothi ke uThixo wothando noxolo abe nani.
    2 KwabaseKorinte 13:11
  • Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu;
    KumaGalati 1:3
  • Bonke ke abahamba ngalo mgca, makube luxolo nenceba kubo ke, nakwabangamaSirayeli kaThixo.
    KumaGalati 6:16
  • Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;
    KumaGalati 5:22
  • Kuba nguye oluxolo lwethu, yena uthe izinto zombini wazenza zaba nye, waluchitha ke udonga lothango oluphakathi, ubumpi ke obo, akuba ewubhangisile, esenyameni yakhe, umyalelo wemithetho esemimiselweni; ukuze abo babini abadalele kuye ngokwakhe, babe mntu mnye, mtsha, esenza ke uxolo;
    KwabaseEfese 2:14, 15
  • nikhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo.
    KwabaseEfese 4:3
  • nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo.
    KwabaseEfese 6:15
  • Kwa-ezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani.
    KwabaseFilipi 4:9
  • nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo wakhe; ewe, ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini.
    KwabaseKolose 1:20
  • Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela.
    KwabaseKolose 3:15
  • Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela.
    1 KwabaseTesalonika 5:4
  • Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.
    2 KuTimoti 2:22
  • Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo;
    KumaHebhere 12:14
  • Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade,
    KumaHebhere 13:20
  • Isiqhamo ke sobulungisa sihlwayelwa ngoxolo ngabo benza uxolo.
    EkaYakobi 3:18
  • Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo; Makafune uxolo, aluphuthume.
    1 KaPetros 3:11
  • Kwaphuma elinye ihashe, libomvu; lowo ke wayehleli phezu kwalo wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni, nokuze basikane, wanikwa ikrele elikhulu.
    IsiTyhilelo 6:4