IGenesis

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50


Isahluko 20

Ke kaloku uAbraham wanduluka apho, waya ezweni lasezantsi, wahlala phakathi kweKadeshe neShure, waphambukela eGerare.
2 Wathi uAbraham ngoSara umkakhe, Ngudade wethu. UAbhimeleki ukumkani waseGerare wathuma, wamthabatha uSara.
3 Weza uThixo kuAbhimeleki ngephupha ebusuku, wathi kuye, Uyabona, ufile ngenxa yomfazi omthabathileyo; ngumkamntu.
4 Ke uAbhimeleki ubengasondelanga kuye; wathi, Nkosi, nolunobulungisa uhlanga wolubulala, yini na?
5 Akatshongo na yena kum ukuthi, Ngudade wethu, naye ngokwakhe wathi, Ngumnakwethu? Le nto ndiyenze ngentliziyo yam igqibelele, nangezandla zam zimsulwa.
6 Wathi uThixo kuye ngephupha, Nam ndiyazi ukuba uyenze le nto ngentliziyo yakho igqibelele. Ndakunqanda nam, ukuba ungoni kum; ngenxa yoko andikuvumelanga ukuba umchukumise.
7 Ngoko mbuyise umfazi wale ndoda, ngokuba ingumprofeti; yokuthandazela ukuba uphile; ukuba uthe akwambuyisa, yazi ukuba uya kufa, wena nabo bonke onabo.
8 Wavuka kwakusasa uAbhimeleki, wababiza bonke abakhonzi bakhe, wawathetha onke la mazwi ezindlebeni zabo. Oyika kakhulu loo madoda.
9 UAbhimeleki wambiza uAbraham, wathi kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi? Ndikone ngantoni na, ukuba mna nobukumkani bam isono esingaka? Wenze kum izenzo ezingezakwenziwa.
10 Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ubone ntoni na, ukuba uyenze le nto?
11 Wathi uAbraham, Ndithe, akukho kanye ukoyika uThixo kule ndawo; baya kundibulala ngenxa yomkam.
12 Okwenene ngudade wethu; yintombi kabawo, kodwa akantombi kama, waba ngumkam ke.
13 Kwathi, uThixo akundiphambukisa, andikhuphe endlwini kabawo, ndathi kuye, Nantsi inceba owondenzela yona: ezindaweni zonke esofika kuzo, uze uthi ngam, Ngumnakwethu.
14 UAbhimeleki wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana, wanika uAbraham; wambuyisela uSara umkakhe kuye.
15 Wathi uAbhimeleki, Nali ilizwe lam, liphambi kwakho; hlala apho kulungileyo emehlweni akho.
16 Wathi kuSara, Yabona, umnakwenu ndimnike iwaka lesilivere; yabona, sisigqubuthelo samehlo kuwe, ngokusingisele kubo bonke aba nawe; naphakathi kwabo bonke ugwetyelwe.
17 Wathandaza uAbraham kuThixo; uThixo wamphilisa uAbhimeleki, nomkakhe, nabakhonzazana bakhe, bazala.
18 Ngokuba uYehova ubezivingcile kanye, zonke izizalo endlwini ka-Abhimeleki, ngenxa kaSara, umka-Abraham.