IGenesis

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50


Isahluko 27

Kwathi, akwaluphala uIsake, amehlo akhe enorhatyazo ukuba angaboni, wambiza uEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathi kuye, Nyana wam. Wathi yena kuye, Ndilapha.
2 Wathi, Khawubone, ndaluphele, andiyazi imini yokufa kwam.
3 Khawuthabathe ngoku iintonga zakho, umphongolo wakho, nesaphetha sakho, uye ezindle, undizingelele inyamakazi;
4 undenzele ukudla okunencasa, njengoko ndikuthandayo, ukuzise kum, ndidle; ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi.
5 Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe. UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise.
6 URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho, esithi,
7 Ndizisele inyamakazi, undenzele ukudla okunencasa, ndidle, ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi.
8 Ngoko ke, nyana wam, liphulaphule izwi lam ngento endikuwisela umthetho ngayo.
9 Khawuhambe uye emhlambini, undithabathele khona amatakane amabini ebhokhwe alungileyo, ndenzele uyihlo ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo;
10 ukuse kuyihlo, adle, ukuze akusikelele engekafi.
11 Wathi uYakobi kuRebheka unina, Yabona, uEsawu umkhuluwa wam yindoda exhonti, mna ndiyindoda egudileyo.
12 Mhlawumbi ubawo wondiva, ndibe njengomgculeli emehlweni akhe, ndizizisele intshwabulelo, ndingaziziseli intsikelelo.
13 Wathi unina kuye, Makube phezu kwam ukushwatyulelwa kwakho, nyana wam; phulaphula izwi lam wena, uye undithabathele.
14 Waya wawathabatha, wawazisa kunina; unina wenza ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo uyise.
15 URebheka wathabatha iingubo zikaEsawu, unyana wakhe omkhulu, ezinqwenelekayo ezibe zikuye endlwini, wamambathisa uYakobi unyana wakhe omnci.
16 Izintsu zamatakane lawo ebhokhwe wambathisa ngazo izandla zakhe, nendawo egudileyo yentamo yakhe;
17 wabeka esandleni sikaYakobi unyana wakhe ukudla okunencasa, nesonka abesenzile.
18 Weza kuyise, wathi, Bawo! Wathi yena, Ndilapha. Ungubani na, nyana wam?
19 Wathi uYakobi kuyise, NdinguEsawu, amazibulo akho; ndenze njengoko wathetha ngako kum; khawuvuke ke, uhlale, udle inyamakazi yam, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.
20 Wathi uIsake kunyana wakhe, Kutheni na le nto ukhawulezileyo ukuyifumana nyana wam? Wathi yena, uYehova uThixo wakho undithamsanqelisile.
21 Wathi uIsake kuYakobi, Khawusondele, ndikuve, nyana wam, ukuba unguye na kanye unyana wam uEsawu, akunguye, kusini na?
22 Wasondela uYakobi kuIsake uyise, wamva, wathi, Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu.
23 Akamnakana ke, kuba izandla zakhe zaba noboya, njengezandla zikaEsawu umkhuluwa wakhe; wamsikelela ke.
24 Wathi, Wena lo ungunyana wam uEsawu na? Wathi yena, Ndinguye.
25 Wathi, Sondeza kum ndidle inyamakazi yonyana wam, ukuze umphefumlo wam ukusikelele. Wayisondeza kuye, wadla, wamzisela newayini, wasela.
26 Wathi uyise uIsake kuye, Khawusondele undange, nyana wam.
27 Wasondela, wamanga; waliva ivumba leengubo zakhe, wamsikelela wathi, Yabona, ivumba lonyana wam linjengevumba lelizwe elisikelelwe nguYehova.
28 Ngamana uThixo wakunika kuwo umbethe wezulu, Nakuko ukuchuma komhlaba, Nentabalala yengqolowa, newayini entsha;
29 Izizwe mazikukhonze, Izizwe ziqubude kuwe. Yiba yinkosi kubazalwana bakho, Baqubude kuwe oonyana bakanyoko; Uqalekisiwe okuqalekisayo, Usikelelwe okusikelelayo.
30 Kwathi, akubon’ ukuba ugqibile uIsake ukumsikelela uYakobi ebusweni bukaIsake uyise, wangena uEsawu, umkhuluwa wakhe, evela ekuzingeleni kwakhe.
31 Naye wenza ukudla okunencasa, wazisa kuyise, wathi kuyise, Makavuke ubawo adle inyamakazi yonyana wakhe, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.
32 Wathi uIsake uyise kuye, Ungubani na? Wathi, Ndingunyana wakho uEsawu, amazibulo akho.
33 UIsake wagubha ngokugubha okukhulu kunene, wathi, Ngubani na lo phofu uzingele inyamakazi, wayizisa kum, ndadla entweni yonke, ungekafiki wena, ndamsikelela? Wosikeleleka ke.
34 Akuweva uEsawu amazwi kayise, wakhala ngesikhalo esikhulu, esikrakra kunene, wathi kuyise, Ndisikelele nam, bawo.
35 Wathi yena, Kufike umninawa wakho ngenkohliso, wayithabatha intsikelelo yakho.
36 Wathi, Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi na, le nto andigweqe ezi zihlandlo zozibini? Wathabatha ubuzibulo bam; nanku ngoku, ethabathe nentsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo na mna?
37 Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibanike yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam?
38 Wathi uEsawu kuyise, Inye na le ntsikelelo unayo, bawo? Ndisikelele nam, bawo. Waliphakamisa uEsawu izwi lakhe, walila.
39 Waphendula uIsake uyise, wathi kuye, Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba, Lee nombethe wezulu ovela phezulu.
40 Uya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho; Kuthi wakudlokova, Uyaphule idyokhwe yakhe, isuke entanyeni yakho.
41 UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam.
42 Wawaxelelwa uRebheka amazwi kaEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathumela, wambiza uYakobi, unyana wakhe omnci, wathi kuye, Yabona, uEsawu, umkhuluwa wakho, uzithuthuzela ngawe ngokukubulala.
43 Ngoko ke, nyana wam, phulaphula izwi lam, usuke ubalekele kuLabhan, umnakwethu, kwaHaran;
44 uhlale naye iintsuku ezithile, bude bubuye ubushushu bomkhuluwa wakho,
45 ude umsindo womkhuluwa wakho ubuye kuwe, ayilibale into oyenzileyo kuye; ndithumele ke, ndikuphuthume khona. Yini na ukuba ndihluthwe nina nobabini ngamini-nye?
46 Ke kaloku uRebheka wathi kuIsake, Ndikruqukile bubomi bam ngenxa yeentombi zakwaHeti. Ukuba uYakobi uthe wazeka umfazi ezintombini zakwaHeti, ezinjengezi ntombi zeli lizwe, boba yintoni na kum obu bomi?