IGenesis

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50


Isahluko 31

Ke kaloku waweva amazwi oonyana bakaLabhan, besithi, UYakobi uzithabathile zonke izinto abenazo ubawo; ubenze ngezinto zikabawo obu butyebi bakhe bonke.
2 Wabubona uYakobi ubuso bukaLabhan, nabo bungenjengezolo nezolo elinye kuye.
3 UYehova wathi kuYakobi, Buyela ezweni likayihlo, kwelokuzalwa kwakho; ndoba nawe.
4 UYakobi wathumela, wabiza uRakeli noLeya, ukuba beze endle empahleni yakhe emfutshane.
5 Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ubenam.
6 Niyazi nina, ukuba uyihlo ndimkhonze ngamandla am onke;
7 ke uyihlo undidephisele, wawuguqula umvuzo wam kalishumi; kodwa uThixo akamvumelanga ukuba andenze into embi.
8 Xa athe, Enala yoba ngumvuzo wakho isuke yonke impahla emfutshane yazala enala; xa athe, Enemizila yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enemizila.
9 Wayihlutha uThixo imfuyo kayihlo, wandinika.
10 Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose.
11 Sathi isithunywa sikaThixo kum ephupheni, Yakobi; ndathi, Ndilapha.
12 Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe.
13 NdinguThixo waseBheteli, apho wasithambisa khona isimiso, apho wabhambathisa ngesibhambathiso kum. Suka ngoko, uphume kweli lizwe, ubuyele ezweni lokuzalwa kwakho.
14 Baphendula uRakeli noLeya, bathi kuye, Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo?
15 Akuthiwa singabasemzini kuye yini na? Kuba uthengise ngathi, wamana eyidla nemali yethu.
16 Ngoko kuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu, kaloku ke konke akuthethileyo uThixo kuwe kwenze.
17 Wesuka uYakobi wabakhwelisa oonyana bakhe, nabafazi bakhe, ezinkameleni.
18 Waqhuba yonke impahla yakhe, nayo yonke ingqwebo yakhe abeyiqwebile, impahla abeyifuyile, abeyiqwebile ePadan-aram, ukuze aye kuIsake uyise ezweni lakwaKanan.
19 ULabhan ubeye kucheba impahla yakhe emfutshane; uRakeli wayiba imilonde-khaya ebiyekayise.
20 UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram, ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka.
21 Wabaleke ke, yena nako konke abenako; wesuka, wawuwela uMlambo, wabubhekisa ubuso bakhe entabeni yaseGiliyadi.
22 Waxelelwa uLabhan ngomhla wesithathu ukuba uYakobi ubalekile.
23 Wathabatha abazalwana bakhe, wamphuthuma uhambo lwemihla esixhenxe; bafumanana entabeni yaseGiliyadi.
24 Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.
25 ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.
26 Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele?
27 Yini na ukuba uzimele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndokundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi.
28 Yini na ukuba ungandivumeli ndibange oonyana bam neentombi zam? Kaloku wenze ngobudenge.
29 Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.
30 Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?
31 Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Bendisoyika, kuba bendisithi, Hleze uzixhakamfule kum iintombi zakho.
32 Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe. Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile.
33 Wangena uLabhan ententeni kaYakobi, nasententeni kaLeya, nasententeni yeempelesi zombini; akazifumana. Waphuma ententeni kaLeya, wangena ententeni kaRakeli.
34 Ke kaloku uRakeli ebeyithabathile imilonde-khaya, wayifaka phakathi kwesali yenkamela, wahlala phezu kwayo. ULabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana.
35 Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, nkosi yam, kuba ndingenako ukusuka phambi kwakho, ngokuba ndihleli phezu kwengca. Wagquthagqutha, akayifumana imilonde-khaya.
36 Wavutha umsindo kaYakobi, wabambana noLabhan. Waphendula uYakobi, wathi kuLabhan, Luyintoni na ukreqo lwam, siyintoni na isono sam, ukuba undisukele ngokushushu nje?
37 Uziphuthaphuthile zonke iimpahla zam; ufumene ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? Yibeke apha phambi kwabazalwana bam, nabazalwana bakho, bahlule phakathi kwethu sobabini.
38 Le minyaka imashumi mabini bendinawe; iimazi zakho zeegusha, neemazi zebhokhwe aziphunzanga, neenkunzi zempahla yakho emfutshane andizidlanga.
39 Into eqwengiweyo andiyizisanga kuwe, ndayimisela ngokwam; wayibiza esandleni sam nokuba ibiwe emini, nokuba ibiwe ebusuku.
40 Emini ndadliwa bubushushu, ebusuku yingqele; ubuthongo bam bemka emehlweni am.
41 Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinamine ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfuthsane; uwuguqule kalishumi umvuzo wam.
42 Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene unge undindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo.
43 ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana azo ezibazeleyo?
44 Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube lingqina phakathi kwam nawe.
45 UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso.
46 Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumba, badla khona phezu kwaloo mfumba.
47 Wathi ukuyibiza uLabhan yiYegarsahaduta, uYakobi wathi ukuyibiza yiGaledi.
48 Wathi uLabhan, Le mfumba ilingqina phakathi kwam nawe namhla, ngenxa yoko yathiywa igama eliyiGaledi;
49 neliyiMizpa, ngokuba wathi Makobonisele uYehova phakathi kwam nawe, sakuba sisithelene;
50 ukuba uthe wazicinezela iintombi zam, nokuba uthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Khangela, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe.
51 ULabhan wathi kuYakobi, Yabona le mfumba, yabona esi simiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe;
52 ingqina yile mfumba, ingqina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kule mfumba ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kule mfumba nakwesi simiso uze kum, senzane ububi.
53 UThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, uThixo woyise wabo, makagwebe phakathi kwethu. UYakobi wafunga Ohlomelwa nguyise uIsake.
54 UYakobi wabingelela umbingelelo entabeni apho, wabiza abazalwana bakhe, ukuba badle isonka. Badla ke isonka, balala entabeni apho.
55 Wavuka uLabhan kusasa, wabanga oonyana bakhe, neentombi zakhe, wabasikelela; wemka ke uLabhan, wabuyela ekhayeni lakhe.