IDuteronomi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34


Isahluko 22

Uze ungathi, uyibona inkomo yomzalwana wakho, nokuba yigusha yakhe, ilahleka, uzisithelise kuyo; woyibuyisela nokuba kutheni kumzalwana wakho.
2 Ke, ukuba akasondelelene nawe umzalwana wakho, akumazi, wozihlanganisela ekhayeni lakho, zibe kuwe, ade azifune umzalwana wakho, uzibuyisele kuye ke.
3 Uya kwenjenjalo kwiesile lakhe, wenjenjalo kwingubo yakhe, wenjenjalo kwinto yonke yomzalwana wakho elahlekileyo, ethe yalahleka kuye wayifumana wena; akunakuzisithelisa kuyo.
4 Uze ungathi, ulibona iesile lomzalwana wakho, nokuba yinkomo yakhe, iwile endleleni, uzisithelise kuyo; womncedisa ukuyivusa.
5 Impahla yendoda ize inganxitywa yinkazana, nendoda ize ingazinxibi iingubo zenkazana; ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza ezo zinto.
6 Xa uthe waqubisana nendlu yentaka endleleni, nokuba kusemthini, nokuba kusemhlabeni, nokuba imathole, nokuba imaqanda, unina ehleli phezu kwamathole lawo, nokuba kuphezu kwamaqanda: uze ungamthabathi unina kunye namathole.
7 Womndulula unina lowo, uzithabathele amathole lawo, ukuze kulunge kuwe, uyolule imihla yakho.
8 Xa uthe wakha indlu entsha, wolwenzela ungqameko uphahla lwakho, ukuze ungazisi magazi endlwini yakho, xa athe wawa owayo kuyo.
9 Uze ungasihlwayeli isidiliya sakho iintlobo ezimbini zeembewu; hleze inzala yembewu oyihlwayeleyo, kunye nongeniselo lwesidiliya eso, lulunge kwindawo engcwele.
10 Uze ungalimi ngenkomo ne-esile kunye.
11 Uze ungambathi ingubo engumxube, uboya nelinen ndawonye.
12 Uze uzenzele iintshinga emasondweni omane engubo ozigubungela ngayo.
13 Xa indoda ithe yazeka umfazi, yamngena, yaza yamthiya,
14 yathetha ngaye iintlondi ezibangela intetho, yamvelisela igama elibi, yathi, Ndimzekile lo mfazi, ndasondela kuye, andazifumana iimpawu zobuntombi kuye:
15 uyise wentombi nonina bozithabatha iimpawu zobuntombi bentombi leyo, baphume nazo bazise kumadoda amakhulu omzi esangweni.
16 Wothi uyise wentombi kumadoda amakhulu, Intombi yam ndiyinikelo mfo ukuba ibe ngumkakhe, wayithiya;
17 yabonani, uthethe iintlondi ezibangela intetho, esithi, Andizifumananga iimpawu zobuntombi entombini yakho; ke nanzi iimpawu zobuntombi bentombi yam. Boyaneka ke ingubo enazo phambi kwamadoda amakhulu omzi.
18 Amadoda amakhulu aloo mzi omthabatha loo mfo, ambethe,
19 amhlahlise ikhulu leeshekele zesilivere, anike uyise wentombi; ngokuba wayivelisela igama elibi intombi yakwaSirayeli; ibe ngumkakhe ke. Akayi kuba nakuyala yonke imihla yakhe.
20 Ke ukuba eli lizwi lithe layinyaniso, azafumaneka iimpawu zobuntombi baloo ntombi,
21 oyikhupha loo ntombi, ayimise ngasemnyango wendlu kayise, ayigibisele ngamatye amadoda omzi wakowayo, ife; ngokuba yenze ubudenge kwaSirayeli, yahenyuza endlwini kayise; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwenu.
22 Xa indoda ithe yafunyanwa imlele umkamntu, bofa bobabini, loo ndoda ilele naloo mfazi, nomfazi lowo; ubutshayele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli.
23 Xa kuthe kwakho inkazana eyintombi eganelwe indoda, wayifumana umfo phakathi komzi, wayilala:
24 nobakhupha bobabini nibamise ngasesangweni laloo mzi, nibaxulube ngamatye, bafe; inkazana leyo, ngenxa yokuba ingakhalanga iphakathi komzi; umfo lowo, ngenxa yokuba emonile umfazi wommelwane wakhe; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
25 Ukuba umfo uthe wayifumana endle intombi eseliganiwe, wayibamba loo mfo, wayilala, wofa yedwa loo mfo uyileleyo.
26 Uze ungayenzi into intombi leyo; akukho sono silingenwe kukufa entombini; ngokuba njengoko indoda ithi imvunukele ummelwane wayo, imbulale afe, injalo le ndawo.
27 Ngokuba uyifumene endle, yakhala intombi eganiweyo, akwabakho uyisindisayo.
28 Xa umfo athe wayifumana intombi eyintombi engaganiweyo, wayibamba, wayilala; kwafumaneka ukuba kunjalo:
29 loo mfo uyileleyo womnika uyise wentombi amashumi omahlanu eeshekele zesilivere, ibe ngumkakhe, ngenxa yokuba eyonile. Akanakuyala yonke imihla yakhe.
30 Indoda mayingamzeki umkayise, ingalityhili isondo lengubo kayise.