IDuteronomi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34


Isahluko 32

Bekani indlebe, mazulu, ndithethe; Live ihlabathi amazwi omlomo wam;
2 Ichaphaze njengemvula imfundiso yam, Ihle njengombethe intetho yam, Njengomkhumezelo phezu kohlaza, Njengamathontsi phezu kotyani.
3 Ngokuba ndiya kuvakalisa igama likaYehova: Mnikeni ubukhulu uThixo wethu!
4 NguLiwa; ugqibele umsebenzi wakhe, Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni; NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; Lilungisa, uthe tye yena.
5 Isizukulwana esijibilizayo, esibhijeleneyo, Sizonakalisile kuye—singenyana bakhe, sisiphako sabo.
6 Nenjenje na ukumphatha uYehova? Bantundini banobudenge, bangenabulumko, Akanguye na uyihlo okudalileyo, Okwenzileyo, okusekileyo?
7 Khumbula iimini zasephakadeni, Qonda iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana. Buza kooyihlo, bakubalisele, Kumadoda amakhulu akowenu, akuxelele.
8 Ekuzabeleni kOsenyangweni iintlanga ilifa, Ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam, Wayimisa imida yezizwe Ngokwenani loonyana bakaSirayeli.
9 Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe, UYakobi licandelo lelifa lakhe.
10 Wamfumana ezweni eliyintlango, Enyanyeni, enkangala ebhombolozayo; Wamwola, wamondla, Wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe.
11 Njengokhozi lususela, Lundanda phezu kwamathole alo, Wawolula amaphiko akhe, wamthabatha, Wamthwala ngamaphiko akhe.
12 Wamkhokela uYehova yedwa, Engenathixo wolunye uhlanga naye.
13 Wamkhwelisa emimangweni yehlabathi; Wadla ke iziveliso zamasimi; Wammunyisa ubusi engxondorheni, Neoli eweni leqhwitha;
14 Amasi eenkomo, nobisi lwempahla emfutshane, Kunye namanqatha eemvana; Neenkunzi zezimvu, amatakane aseBhashan, neebhokhwe, Kunye namanqatha ezintso zengqolowa; Negazi lediliya walisela, liyiwayini enegwebu.
15 Watyeba ke uYeshurun, wakhaba; Watyeba wena, wanesibili, wathi fithi; Wamlahla uThixo owamenzayo, Walenza isidenge iLiwa lokusindiswa kwakhe.
16 Bamkhweletisa ngoothixo basemzini, Bamqumbisa ngamasikizi.
17 Babingelela kwiidemon ezingeThixo, Koothixo abangabaziyo, Kwabatsha abasandula ukufika, Ababengabahlonele ooyihlo.
18 ILiwa elakuzalayo walihilizela, Wamlibala uThixo owaba nenimba ngawe.
19 Wabona uYehova, wabalahla, Ngokuqunjiswa ngoonyana bakhe neentombi zakhe.
20 Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo, Ndibone ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo; Ngokuba basisizukulwana sempenduka, Ngoonyana abangenantembeko.
21 Bona bandikhweletisa ngongeThixo, Bandiqumbisa ngamampunge abo. Nam ndiya kubakhweletisa ngabangebantu, Ndibaqumbise ngohlanga olunobudenge.
22 Ngokuba kuphenjwe umlilo emathatheni am; Utsha ude use kwelingaphantsi labafileyo, Ulidle ihlabathi neendyebo zalo, Uvuthise iziseko zeentaba.
23 Ndiya kufumba ububi phezu kwabo, lintolo zam ndiziphelelisele kubo;
24 Omakhanywa kukulamba, omadliwa kukurhala, Nembubhiso ekrakra. Ndiya kubathumela izinyo lamarhamncwa, Nobuhlungu bezinambuzane zothuli.
25 Ngaphandle kophanga ikrele, Ezingontsini kuphange izothuso, Kufane indodana nentombi, Kufane owanyayo nengwevu.
26 Ngendiba ndithi, Ndiya kubaphephetha, Ndisiphelise isikhumbuzo sabo ebantwini;
27 Koko ndinxungupheleyo kukuqunjiswa lutshaba, Hleze ababandezeli babo bangaqondi; Hleze bathi, Kuphakame isandla sethu; Akwenziwe nguYehova oku konke.
28 Ngokuba luhlanga oluphelelwe ngamacebo, Tu ingqondo kubo.
29 Akwaba babelumkile; ngebekuqiqa oku, Basiqonde isiphelo sabo.
30 Yo! Ebengayi kuthi na emnye kubo asukele iwaka, Bebabini bagxothe amawaka alishumi, Ukuba belingathengisanga ngabo iLiwa labo, Wabanikela uYehova?
31 Kuba alinjengeLiwa lethu iliwa lazo, lintshaba zethu zingabagwebi boko.
32 Kuba umdiliya wabo ngowomdiliya waseSodom, Ngowamasimi aseGomora. Iidiliya zabo ziidiliya ezinobuhlungu, Izihloko zazo zinobukrakra.
33 Bubuhlungu benyushu iwayini yabo, Yinyongo enobujorha yamaphimpi.
34 Oku akubekwe kum na, Kwavingcelwa koovimba bam?
35 Yeyam impindezelo nembuyekezo Ngexesha lokutyibilika konyawo lwabo; Ngokuba usondele umhla wokusindeka kwabo, Kuyakhawuleza abakumiselweyo.
36 Ngokuba uya kugweba phakathi kwabantu bakhe uYehova, Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe, Xa abonayo ukuba ethile amandla, Uphelile ovalelweyo novulelweyo.
37 Wothi ke, Baphi na kaloku oothixo babo, Iliwa ababezimela ngalo:
38 Ababesidla amanqatha emibingelelo yabo, Ababesela iwayini yeminikelo yabo ethululwayo? Mabasuke banincede, Kubekho isithe phezu kwenu.
39 Bonani ngoku, ukuba mna ndinguye; Tu thixo unam. Ndiyabulala, ndidlise ubomi; Ndiyaphalusa, ndiphilise mna; Tu uhlangulayo esandleni sam.
40 Ngokuba ndisiphakamisela emazulwini isandla sam; Ndithi, Ndihleli nje mna ngonaphakade,
41 Ukuba ndithe ndalilola ikrele lam elingumbane, Sabambelela elugwebeni isandla sam, Ndoyibuyisela impindezelo kubabandezeli bam, Ndibuyekeze kubathiyi bam.
42 Ndozinxilisa iintolo zam ngegazi, Ikrele lam liyidle inyama Ngegazi labahlatyiweyo nabathinjiweyo, Ngentloko enesihlwitha yotshaba.
43 Memelelani, zintlanga, ngenxa yaba ntu bakhe, Ngokuba eliphindezelela igazi laba khonzi bakhe, Abuyisele impindezelo kubabande zeli bakhe, Awucamagushele ke umhlaba wakhe nabantu bakhe.
44 Weza ke uMoses, wawathetha onke amazwi ale ngoma ezindlebeni zabantu, yena noYoshuwa unyana kaNun.
45 Wagqiba uMoses ukuwathetha onke la mazwi kumaSirayeli onke,
46 wathi kuwo, Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo.
47 Ngokuba asilizwi lilambathayo kuni eli, kuba bubomi benu; ngeli lizwi niya kuyolula imihla kuloo mhlaba niyiwelayo iYordan nisiya kuwuhlutha.
48 Wathetha uYehova kuMoses kwangaloo mini, esithi,
49 Nyuka uye kule ntaba yaseAbharim, entabeni yeNebho, esezweni lakwaMowabhi, elikhangelene neYeriko, ukhangele ilizwe lakwaKanan, endilinika oonyana bakaSirayeli ukuba libe lelabo;
50 ufele entabeni oyinyukayo, uhlanganiselwe kubantu bakowenu, njengokuba wafayo umkhuluwa wakho uAron entabeni yeHore, wahlanganiselwa kubantu bakowabo;
51 ngenxa yokuba namenezayo kum phakathi koonyana bakaSirayeli emanzini aseMeribha yaseKadeshe, entlango yeTsin, ngenxa yokuba ningandingcwalisanga phakathi koonyana bakaSirayeli.
52 Ngokuba wolibona ilizwe liphambili, kodwa ungangeni kulo ilizwe endilinika oonyana bakaSirayeli.