IDuteronomi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34


Isahluko 25

Xa kuthe kwabambana amadoda, kweziwa ematyaleni ukuba lithethwe ityala lawo, ize igwetyelwe elilungisa, igwetywe engendawo;
2 kothi ke, ukuba ithe engendawo yafanelwa kukubethwa umgwebi ayilalise phantsi, ibethwe phambi kwakhe, ngokulingene nokungabi ndawo kwayo, ngokwenani.
3 Yobethwa imivumbo emashumi mane, kungongezwa; hleze kwakongezwa yabethwa imivumbo emininzi ngaphezu kwaleyo, acukucezeke umzalwana wakho emehlweni akho.
4 Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula.
5 Xa bathe bahlala ndawonye abantu bezalana, wafa omnye kubo engenanyana, umfazi wofileyo makangendeli kwindoda yasemzini, yangaphandle; ozalana nendoda yakhe maze amngene, amzeke, abe ngumkakhe, enze kuye okozalana nendoda yakhe.
6 Wothi ke owamazibulo, athe wamzala, eme egameni lomfi lowo, lingacinywa igama lakhe kwaSirayeli.
7 Ke ukuba indoda leyo ithe ayakunanza ukumzeka umkamfi lowo, wonyuka umkamfi lowo, aye esangweni kumadoda amakhulu, athi, Laa mntu uzalana nendoda yam akavumi ukumvelisela umntakayise igama kwaSirayeli, akavumi ukwenza kum okozalana nendoda.
8 Oyibiza ke amadoda amakhulu omzi wayo, athethe kuyo; ime, ithi, Andikunanzile ukumzeka;
9 afike kuyo umkamfi lowo phambi kwamadoda amakhulu, ayikhulule imbadada elunyaweni lwayo, ayitshicele ebusweni, aphendule athi, Makwenjiwe nje kwindoda engayi kuyakha indlu yomntu ozalana nayo.
10 Kothiwa ke igama layo kwaSirayeli nguNdlw’-ikhululwe-imbadada.
11 Xa kuthe kwantlalana amadoda amabini, umntu nomzalwana wakhe, wasondela umfazi wenye, ukuba ahlangule indoda yakhe esandleni seyibethayo, wolula isandla sakhe, wayibamba ngamaphambili,
12 wosinqumla isandla sakhe, lingabi nanceba iliso lakho.
13 Uze ungabi namatye ngamatye okulinganisa engxoweni yakho, amakhulu namancinane.
14 Uze ungabi nee-efa ngee-efa endlwini yakho, enkulu nencinane;
15 uze ube nelitye elizalisekileyo, elilelobulungisa; uze ube ne-efa ezalisekileyo, eyiyeyobulungisa, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni lowo akunikayo uYehova uThixo wakho.
16 Ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza loo nto, bonke abenza ubumenemene.
17 Khumbula loo nto wayenzayo uAmaleki kuwe endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa;
18 owakuhlangabezayo ngendlela, wabetha kuwo umqosheliso wakho, bonke abaphelelweyo abasemva kuwe, utyhafile, udiniwe; akamoyika uThixo.
19 Kothi, ekukuphumzeni kukaYehova uThixo wakho ezintshabeni zakho zonke ngeenxa zonke, ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa ulime, usicime isikhumbuzo sika Amaleki phantsi kwezulu; uze unga libali.