UYeremiya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52


Isahluko 15

Wathi ke uYehova kum, Kungafanelana kumi ooMoses noSamuweli phambi kwam, umphefumlo wam ubungebheki kwaba bantu. Bagxothe ebusweni bam, baphume.
2 Kuya kuthi, xa bathe kuwe, Siphume siye ngaphi na? uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Abokufa bafe; abekrele babe ngabekrele; abendlala babe ngabendlala; abokuthinjwa bathinjwe.
3 Ndobavelela ngeentlobo ezine, utsho uYehova: ikrele, ukuba libulale; izinja, ukuba zirhwiqilize; iintaka zezulu nezilo zomhlaba, ukuba zidle, ukuba zonakalise.
4 Ndobanikela kwizikumkani zonke zehlabathi ukuba babe yinto yokunqakulwa, ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.
5 Ewe, ngubani na oya kuba nofefe kuwe, Yerusalem? ngubani na oya kukukhuza? ngubani na oya kuphambuka, abuze ukuphila kwakho?
6 Wena undilahlile, utsho uYehova, ubuye umva; ndiya kusolula isandla sam ngakuwe, ndikonakalise; ndidiniwe kukuzohlwaya.
7 Ndiyabachithachitha ngexhayi emasangweni elizwe, ndibahluthe abantwana abantu bam, ndibatshabalalise, bengabuyi nje ezindleleni zabo.
8 Abahlolokazi babo baziimfidi kum kunentlabathi yolwandle; ndizisa kubo phezu konina wamadodana umbhuqi emini enkulu; ndibawisela ngesiquphe inimba nokukhwankqiswa.
9 Uyantshwenya ozele abasixhenxe, uphuma umphefumlo; liyatshona ilanga lakhe kusesemini; udanile, uneentloni; namasalela abo ndiwanikela ekreleni phambi kweentshaba zabo; utsho uYehova.
10 Athi ke mna, ma, ukuba uzale umna, umntu wembambano, umntu wengxabano nehlabathi lonke! Andibolekanga, andabolekwa; kanti bonke bephela bayanditshabhisa.
11 UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo.
12 Sikha saphuke na isinyithi, isinyithi sasentla, nobhedu?
13 Ubutyebi bakho nobuncwane bakho ndobunikela ukuba bube lixhoba, kungengaxabiso, ngenxa yezono zakho zonke, nasemideni yakho yonke;
14 ndibuweze neentshaba zakho, ndibuye ezweni ongalaziyo; ngokuba kuphenjwe umlilo ngomsindo wam, uvutha phezu kwenu.
15 Wena, Yehova, uyazi, Ndikhumbule, undivelele, undiphindezelele kubasukeli bam; ekuzekeni kade komsindo wakho ungandikhukulisi; yazi ukuba ndithwele ihlazo ngenxa yakho.
16 Afumaneka amazwi akho, ndawadla; amazwi akho kum aba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam, ngokuba ndabizwa ngegama lakho, Yehova, Thixo wemikhosi.
17 Andihlalanga embuthweni yabahleki, andidlamkanga nokudlamka; ngenxa yesandla sakho ndahlala ndedwa; ngokuba undizalisile ngokubhavuma.
18 Yini na ukuba umvandedwa wam uhlale uhleli, nenxeba lam libulale, lingavumi ukuphola? Wohla ube ngumlambo okhohlisayo na kum, omanzi angahlaliyo na?
19 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ukuba uthe wabuya, ndokubuyisa, ubuye ume phambi kwam; ukuba uthe wakhupha okunqabileyo kokungeni, woba njengomlomo wam; abo baya kubuyela kuwe; ke wena akuyi kubuyela kubo.
20 Ndiya kukwenza udonga lobhedu olunqatyisiweyo kwaba bantu, balwe nawe, bangabi nakukuthini; ngokuba ndinawe, ukuze ndikusindise mna, ndikuhlangule; utsho uYehova.
21 Ndiya kukuhlangula esandleni sabangendawo, ndikukhulule ekubambeni kwabangcangcazelisayo.