UYeremiya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52


Isahluko 31

Ngelo xesha, utsho uYehova, ndiya kuba nguThixo kwimizalwane yonke yakwaSirayeli, yona ibe ngabantu bam.
2 Utsho uYehova ukuthi, Bababalwa entlango abantu abasindileyo ekreleni; ndoya ndiwaphumze amaSirayeli.
3 UYehova ubonakele kum kwakude, wathi, Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolulele inceba.
4 Ndiya kubuya ndikwakhe, wakheke, ntombi inguSirayeli; uya kubuya uzihombise, uphathe iingqongqo zakho, uphume uye ekungqungqeni kwabangqungqayo.
5 Uya kubuya utyale izidiliya ezintabeni zakwaSamari, batyale abatyali, bazidle ngokwabo.
6 Ngokuba kuya kubakho umhla, abaya kumemeza ngawo abalindi ezintabeni zakwaEfrayim, besithi, Sukani nime, sinyuke siye eZiyon kuYehova, uThixo wethu.
7 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Memelelani ngoYakobi, nivuye, nitsholoze ngentloko yeentlanga; vakalisani, dumisani, yithini, Basindise, Yehova, abantu bakho, amasalela akwaSirayeli.
8 Yabona, ndiyabazisa bevela ezweni lasentla, ndibabuthe eziphelweni zehlabathi; beneemfama neziqhwala, abamithiyo nabazalayo kunye; besisikhungu esikhulu, bebuyela apha.
9 Baya kuza belila, ndibakhokele betarhuzisa; ndibase emilanjeni yamanzi ngendlela ethe tye, bengakhubeki kuyo; kuba ndinguyise kuSirayeli, uEfrayim ngowamazibulo am.
10 Liveni ilizwi likaYehova, zintlanga, nilixele eziqithini ezikude, nithi, Umchithachithi kaSirayeli uya kumbutha, amgcine njengomalusi egcina umhlambi wakhe.
11 Ngokuba uYehova ummisele wamkhulula uYakobi; umhlawulele wamkhulula esandleni sowomeleleyo kunaye.
12 Baya kuza bamemelele ezindulini zaseZiyon, basinge kwizinto ezilungileyo zikaYehova, engqoloweni, nasewayinini entsha, naseolini, nasemgqekwini weegusha neenkomo; imiphefumlo yabo ibe njengomyezo onyelwa ngamanzi, uvunde; bangabi saphinda bathe amandla.
13 Iya kwandula intombi ivuye ekungqungqeni, namadodana namadoda amakhulu kunye; ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali, ndibathuthuzele, ndibavuyise, bangabi nasingqala.
14 Ndowuseza uhluthe umphefumlo wababingeleli ngamafutha, bahluthe abantu bam zizinto zam ezilungileyo; utsho uYehova.
15 Utsho uYehova ukuthi, Kuvakele izwi eRama, isimema, isililo esikrakra: uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, ngenxa yabantwana bakhe, ngokuba bengasekho.
16 Utsho uYehova ukuthi, Lithintele ilizwi lakho, lingalili, namehlo akho angabi nanyembezi; ngokuba unomvuzo umsebenzi wakho, utsho uYehova; baya kubuya ezweni lotshaba.
17 Linethemba ikamva lakho, utsho uYehova; oonyana bakho baya kubuyela emdeni wabo.
18 Ndimvile ngenene uEfrayim, ehlunguzela intloko, esithi, Undiqeqeshile ndaqeqesheka njengethole elingekathambi; ndibuyise, ndibuye; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wam.
19 Ngokuba emva kokukutshikilela kwam ndazohlwaya, emva kokwaziswa kwam ndabetha ethangeni lam; ndadana, ndeva ihlazo, ngokuba ndithwele isingcikivo sobuncinane bam.
20 Ngunyana onqabileyo na kum uEfrayim? Ngumntwana wokuteketiswa na, le nto ndithi, ndakuthetha ngaye ndimchasile, ndisuke ndimkhumbule ngakumbi? Ngenxa yoko izibilini zam ziyasika ngaye; inene, ndiya kuba nemfesane kuye, utsho uYehova.
21 Zimiseleni izalathiso, zigxumekeleni izibonda; yibhekise intliziyo yakho emendweni, endleleni owahamba ngayo. Buya, ntombi inguSirayeli, buyela emizini yakowenu.
22 Kunini na unxaxhanxaxha, ntombi iphambayo? ngokuba uYehova udala into entsha ehlabathini: inkazana iya kuphahla indoda.
23 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Basaya kulithetha eli lizwi ezweni lakwaYuda nasemizini yakhona, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, lokuthi, UYehova makakusikelele, khaya lobulungisa, ntaba yobungcwele.
24 Aya kuma khona amaYuda nemizi yawo yonke kunye; abalimi, nabahamba emathanga benemihlambi yabo.
25 Ngokuba ndiyawuseza uhluthe umphefumlo otyhafileyo; ndowanelisa umphefumlo wonke othe amandla.
26 Kwakubanjalo, ndavuka, ndakhangela; ubuthongo bam bebumnandi kum.
27 Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuyihlwayela indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ngembewu yomntu, nangembewu yenkomo.
28 Kuya kuthi njengoko ndabaphaphelayo ukuba ndinyothule, ukuba ndidilize, ukuba ndigungxule, ukuba nditshabalalise, ukuba ndenze kube kubi: ngokunjalo ndibaphaphele ukuba ndakhe, ukuba ndityale; utsho uYehova.
29 Ngaloo mihla abasayi kuba sathi, Ooyise badle iidiliya ezimuncu, amazinyo oonyana aba buthelezi;
30 ke elowo uya kufa ngenxa yobakhe ubugwenxa; umntu wonke odla iidiliya ezimuncu, nguye omazinyo aya kuba buthelezi.
31 Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda;
32 ungabi njengomnqophiso endawenza noyise ngomhla endababambayo ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni leYiputa; umnqophiso wam abasuka bawaphula bona, nangani bendiyindoda yabo; utsho uYehova.
33 Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova: ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam;
34 bangabi safundisa elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, besithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu, utsho uYehova; ngokuba ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.
35 Utsho uYehova, uMniki welanga, ukuba libe sisikhanyiso emini; uMniki wemimiselo yenyanga neenkwenkwezi, ukuba zibe sisikhanyiso ebusuku; uMlatyuzisi wolwandle, ukuba agqume amaza alo; ugama lakhe linguYehova wemikhosi:
36 ukuthi, Ukuba ithe yasuka loo mimiselo phambi kwam, utsho uYehova, yophela nayo ke imbewu kaSirayeli ingabi luhlanga phambi kwam ngamaxa onke.
37 Utsho uYehova ukuthi, Ukuba lingaba nokulinganiswa izulu phezulu, zibe nokugocwagocwa iziseko zehlabathi phantsi, nam ke ndoba ndiya kuyicekisa yonke imbewu kaSirayeli, ngenxa yento yonke abayenzileyo; utsho uYehova.
38 Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, oya kuthi umzi lowo wakhelwe uYehova, kuthabathele enqabeni ende kaHananeli, kuse esangweni lembombo;
39 lubuye luphume ulutya lokulinganisela, luthi gca phezu kwenduli kaGarebhe, lujikele eGoha.
40 Yonke intili yezidumbu neyothuthu, namasimi onke asa esihlanjeni seKidron, asa embombeni yesango lamahashe ngasempumalanga, ibe ngcwele kuYehova, ingabi sanyothulwa, ingabi sagungxulwa naphakade.